Obesakuba ngumqeqeshe weMthatha City, uNkush Malgas ubona umahluko omncinci xa ethelekisa abadlali baseMpuma Koloni nabanye kwamanye amaphondo ngokomngangatho nangesakhono. UMalgas uzimanya neWitbank Spurs edlala kwiNational First Division njengesekela mqeqeshi. Lo mqeqeshi uzimanye neSpurs kwinyanga ephelileyo atyikitye isivumelwano sengqesho nayo esizakuphelwa xa kuphela isizini. Siqale sambuza ngomngangatho wabadlali baseMpuma Koloni xa ebathelekisa nabanye kwamanye amaphondo, uthe umahluko kukuba baqala ngesikolo logama abanye beqala ngokudlala ibhola.
“Ngokwetalente abadlali baseMpuma Koloni bayafana nabanye kodwa umahluko: abaseRhawutini nakwamanye amaphondo bazixelela besebancinci ukuba bazakuphila ngokudlala ibhola” utshilo uMalgas.
Abadlali baseMpuma Koloni baqhutyelwa esikolweni kuqala kodwa abanye kwamanye amaphondo baqala ibhola bekwiminyaka elishumi elinesine nto leyo eyenza baqhelane nokudlala beselula. Eli phephandaba liqaphele into yokuba uninzi lwabadlali abadlala kwiChippa United ekwiPSL kwakunye noMthatha Bucks okwiNFD League baphuma kwamanye amaphondo. I’solezwe lesiXhosa limbuze ngenkqubela-phambile kumsebenzi wakhe, uthe okwangoku akukho nto anokuyithetha ingako ngegalelo lakhe, nangona sele bedlale imidlalo emihlanu.
Kulo midlalo baphumelele yamibini, baphulukana nomnye logama bedlale ntanganye kwemibini. Kodwa sekunjalo uthi usafunda indlela esidlala ngayo iSpurs ukuze aziqhelanise nayo. ISpurs ikwindawo yethoba kwiNFD League inamanqaku angamashumi amabini anesibhozo emva kwemidlalo engamashumi amabini eyidlalileyo. Lo sekela mqeqeshi akamtshanga kwinqabana kwaNFD, ukhe wasebenza kwiBlackburn Rovers ngo-2012 kwaye usajonge ukuqeqeshe nakwiPSL ngenye imini. UMalgas ushiye iqela laseMthatha esaqhuba kakuhle emva kokuthengwa ngabaphathi abatsha abeza notshintsho.
ABafana Bafana bayingombe yanaba iCongo Brazzaville, eGqeberha!