Igwetyelwe ukudlwengula indoda yaseDutywa

Uza kuchitha iminyaka engamashumi amabini enkolonkoloza kwezimnyama izisele uMelikhaya Mpongwana (24) emva kokufunyanwa yinkundla yamatyala engingqi yaseGcuwa enetyala lokudlwengula intwazana eneminyaka elishumi elinesine ubudala (14) yaseDutywa.


Ngokwengxelo yesithethi samapolisa aseGcuwa, uKapteni Jackson Manatha,  uMpongwana wadlwengula intwazana le kwikhaya lalo kwilali yaseMorrison eDutywa. UManatha uthi yadlwengulwa le ntwazana kwinyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo ngethuba ilele nobhuti wayo omncinci ebhedini.

UManatha udiza ukuba, intwazana yeva into emphathaphathayo kanti nguMpongwana emva koko wayidlwengula. Uthi ixhoba lakwazi ukumkhomba umrhanelwa kuba lamva ngelizwi.

Umrhanelwa waye wabanjwa kwangoko ngamapolisa aseDutywa. Ityala lona belixoxelwa kwinkundla yamatyala engingqi eGcuwa. UMpongwana ugwetywe ngoLwesibini kule iveki.