‘Mayinyuke imirholo yeeNkosi eMpuma Koloni’

Usihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi Mwelo Nonkonyana, uthi ulindele ukuba iNkulumbuso yeli phondo uPhumulo Masualle azalise izithembiso zakhe xa ezakuba ethetha kumsitho wokuvulwa kweNdlu yeeNkosi eBhisho ngomso.

Ingxelo ithi uMasualle wenze isithembiso sokuguqula indlela urhulumente wakhe asebenzisana ngayo neeNkosi neeKumkani zeMpuma Koloni ngethuba ebesenza intetho yakhe yobume bephondo.

“Eli qonga lokuvulwa kwale ndlu yeeNkosi lelona kumele ukuba alisebenzise acacisele iiKumkani neeNkosi ukuba yintoni aza kuyenza ukuphucula intlalo nomsebenzi owenziwa ziKumkani neeNkosi eMpuma Koloni,” utshilo uNonkonyana.

INdlu yeeNkosi yeli phondo izakuba ivulwa ngomso ilandela emva kokuvulwa kweNdlu yeeNkosi kuzwelonke kwiPalamente yaseKapa.

“Thina siziNkosi neContralesa siza kuthumela igqiza lethu ukuba liye kuxoxa nekomishini kaJaji uMusi ukuba baxoxe ngendlela yokunyuswa kwemivuzo yeeKumkani neeNkosi zeMpuma Koloni,” ucacise watsho uNonkonyana.

Uthi kudala beyichaza indlela abafuna ukuba inyuswe ngayo imirholo yeeNkosi kuMzantsi Afrika.

“Sasithe sifuna ukuba imirholo yeeKumkani ibekwe kwinqanaba elifana ncakasana nelo labaphathiswa bakazwelonke, ize eyeeNkosi ibe sisiqingatha saloo mali,” uthethe watsho uNonkonyana.

Izakuba kokokuqala ukuba ivulwe le Ndlu phantsi kwesikhokelo sikaNonkonyana ukusukela oko athe wangena njengosihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni kunyaka ophelileyo.

“Ndilindele ukuba ndibe ndisamkelwa yindlu le ngokubanzi, kodwa kweyam intetho ndifuna ukumemelela ukuphuculwa kwentsebenziswano, nokuqhutyelwa phambili kweenzame zokonyusa imirholo yeeNkosi,” utshilo uNonkonyana.

Uninzi lweeNkosi zeli phondo zakuxhasa ukungena kukaNonkonyana zisithi nguye owabangela ukunyuka kwemirholo yazo kwangaphambili.

Isikhokelo sala ndlu sitshintshe kunyaka ophelileyo emva kokuphela kwexesha lokukhokela kukaNkosi Ngangomhlaba Mathanzima olawule ngomzila onconywe nguye wonke ubani.

“INkosi nganye yamkela imali ekwishumi elinesihlanu lamawaka eerandi kuphela (R15 000-00), sifuna ukuba itshintshe lo nto, iiNkosi mazinikwe isidima sazo ngokuthi zinikwe imali nazo njengabanye, oosibonda neebhodi nabo mabanikwe imali ukuze basebenze ngokukhuthala,” utshilo uNonkonyana.

Umsitho wokuvulwa kweNdlu yeeNkosi uphawula isiqalo sonyaka kule Ndlu, uye uhonjiswe zizinxibo zesiNtu ezindidi-ndidi ezinxitywe ziNkosi namakhosikazi wazo. IiKumkani neeNkosi zephondo zindwendwe ezibekekileyo kulo mcimbi.