‘Ndakusolula umqolo ngenduku isitabane’

IMVUMI yegospeli eyaziwayo eMthatha uNkosinathi Ngceke weNgceke Gospel Group, udale ingxokolo kuFacebook kutshanje esithi ukruqukile “ngusathana wobutabane” ongene iimvumi zegospeli.

“Namhlanje ndivuka ndicinga lo sathana ungene kwiiGospel Artists [iimvumi zegospeli]!! Wobutabane !! Ithini iplan [isicwangciso] bazalwana kule ngxaki?” kubhale uNgceke kuFacebook.

Lo mbhalo udale ingxoxo eshushu kweli khasi likaFacebook likaNgceke, bambi bengqinelana naye logama abanye bechasene naye.

Ecacisa kubalandeli bakhe kuFacebook malunga nalo mbhalo, uNgceke uthe: “Kubalulekile ukuba sithethe ngayo le nto yobutabane siyihlazise ukuze adane usathana. Usathana akacengwa, uyahewulwa [ukuze] abaleke emke.”

Ebhala banzi kwakuFacebook malunga noku, uNgceke uthe: “Ndike ndaya kwenye iTV station, ungena nje emnyango wamkelwa sisitabane de uyokufika kwimanagement (oomanejala) zizo zodwa kwaye ndikholelwa ukuba amashumi alithoba (90%) abasebenzi baphaya zizitabane. Ndaphuma sele ndiyinyama kukukhubeka kuba ke mna andidibani nento engatshongo khona.”

Bekungacacanga ukuba sesiphi esi sikhululo sikamabonakude ebethetha ngaso uNgceke ngethuba sibhala eli nqaku.

Kule ngxoxo kaFacebook, imvumi uBetusile Mcinga uxelele uNgceke esithi: “Xa sishumayela iindaba ezilungileyo, sikhokelwa lilizwi likaThixo, kufuneka sikwenze oko ngokwendlela engazukuthunuka iimvakalelo zabanye, koko masibaphikise ngothando.”

Emva koku uNgceke, ephendula uBetusile, uthe: “Mamela ke Bethu mna ke bhuti andithengi buso, ndihleli enyanisweni futhi sokuze nditshintshe.”

UNgceke ukwathe: “Imini apho esinye [isitabane] saphazama sathetha into kum ndawuze ndisolule umqolo ngenduku.”

Akucaci ncakasana ukuba ngoobani ezi mvumi zegospeli zizigeyi athetha ngazo uNgceke kuba akakhange azibalule ngamagama, ebephelele nje ekulumkiseni ukuba uyeza noluhlu lwazo.

Ethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa kule veki, uNgceke uthe usamile kwinto ebeyibhalile.

“Into endiyibhalileyo icace gca phaya kuFacebook. Mna ndingumkhonzi kaThixo, yonke into endiyithethayo isuka kwilizwi lebhayibhile. Ofuna ulwazi makaye kuLeviticus 18, vesi 22.”