‘Yekani ukuthimba umhlaba, thethani norhulumente nakhelwe izindlu’

Kuye kwavalwa indlela yaseNY 108 ngenxa yabaqhankqalazi eGuguglethu kule mpelaveki siphuma kuyo.Umfanekiso: Phando Jikelo/African News Agency/ANA

EKAPA:

ABATHIMBA umhlaba eGugulethu baxelelwe ukuba mabohlukane nokwenza oko, bahlale phantsi nabesixeko ze kuthethathethwane nabo baphethe lo mhlaba kuzanywe ukuba bawuthengise

bazokwakhelwa izindlu.

Oku kuthethwe nguSodolophu waseKapa uPatricia de Lille kwintlanganiso ebibizwe ngabahlali eGugulethu Sports Complex ukuze bachaze unobangela wokuba benze le ngingqi ingalawuleki kule veki iphelileyo.

Ukususela ngoLwesihlanu, abahlali baseGugulethu bavala iNY 1, NY 108 ne NY 6, betshisa nkqu neebhasi zakwaGolden Arrow. Kutshe nakwindawo edume kwihlabathi lonke ngokuthengisa inyama, kwaMzoli.

Olu qhankqalazo lude lwabangela nokuvalwa kwezikolo eGugulethu.

Oku kuza emva kokuba abahlali abahlala ngasemva (backyarders) kumawabo okanye kwiIndawo abanxuse kuzo, bathimba umhlaba okwindawo eyayisakuba yiLuntu Centre eyadilizwayo kungokunje.

Le ndawo yadilizwa ukuze kwakhiwe udidi lweevenkile.

Ephendula kwizikhalazo zabahlali kule ntlanganiso izolo, uPatricia de Lille uthe: “Yekani ukuthatha umhlaba ongahlali mntu ngendlov’iyangena. Masihlaleni phantsi nibeke izikhalazo zenu ngaphambili. Masisebenzisaneni sonke siye kubalawuli bale mihlaba siqonde ukuba abanakuyithengisa na. Ukuba bavumile siyakuthenga ze sinakhele izindlu. Akukho mntu ulutshaba apha. Ukuba nenza ngolu hlobo akukhonto ndingayenza.”

Inkokheli yeANC kwingingqi yaseDullar Omar, uXolani Sotashe ungqinelene noDe Lille esithi xa kufikelela kumba wokunikezela ngenkonzo iipolitiki zibekelwa ecaleni.

“Singurhulumente siyasebenzisana ukuqonda ukuba ngoobani abanikazi bemihlaba engenabantu. Injongo zokwenza oku kukuthenga le mihlaba ze sakhele abantu bakuthi izindlu ezifikelelekayo,” utshilo.

Inkokheli yabahlali neyayithabathe inxaxheba kolo qhankqalazo lwangeCawe ithe bayaziguzula ekutshisweni kwevenkile.

“Kwafika izikoli zize ngenjongo ezingcolileyo zatshisa kwaMzoli. Thina sifuna izindlu asinanto isidibanisa nokumosha. Sikude le neso siganeko,” utshilo.

USotashe ukuqhwabele izandla ukuvezwa kwesi siganeko.

“Iyandivuyisa into yokuba inkokheli yenu ikwazi ukuveza le nyewe yakwaMzoli kuba ngenene kosoloko kukho izikoli ezithatha ukuqhankqalaza kwabahlali zikwenze ithuba lokugila imikhuba ukufezekisa iinjongo ezimdaka,” utshilo.

michael.nkalane@inl.co.za