Baphefumla ilindle eMzonyane

Ukurhogola ivumba elibi ngenxa yelindle elibaleka kwiminyango yezindlu sisidlo semihla ngemihla kubahlali baseMzonyana eScenery Park.

Aba bahlali batyhola uceba wala ndawo uZandisile Tokwe ngokungabakhathaleli nanjengoko kudala ebathembisa ngokubasusa kule ndawo inyhuku-nyhuku. Inkokheli yeli qela labahlali uBongeka Sobekwa uthi badiniwe kukuxokiswa nguZandisile Tokwe.

“Kudala lo ceba esixokisa, ngo2016 wayesithembise ukuba uza kusifumanela indawo yokuhlala eUnit P, kuba esithi sihlala ngokungekho mthethweni apha,” utsho uSobekwa.

Ezi zindlu zazihlala abazali okanye izihlobo zaba bahlali ababesebenza kumasipala waseBCM ngaphambili, azinamanzi acocekileyo, zihleli kubufukufuku bengca engacocwayo, akukho nkqubo yogutyulo lwelindle.

“Sisebenzisa amabhakethi okuya kwakudala apha, amanzi esiwaselayo akrakra, amdaka apha emlonyeni, ngoku sibona sibiyelwa ngocingo olutsha kungekho mntu uthethe nathi.”

UNtombizandile Mofu uthi abantwana bayagula apha ngenxa yamanzi amdaka abawaselayo anevumba elibi abalirhogola imihla ngemihla.

“Sinyanga izilonda ezingapheliyo ebantwaneni ngenxa yeBCM engade isihoye ngokusinika iindawo zokuhlala, abantwana bayagula kuba amanzi esiwasebenzisa apha awacocekanga,”utshilo uMofu.

Xa begxotha ilindle banyanzeleka ukuba bagalele amanzi ngebhakethi ukuze lisuke phambi kwabo.

Uceba wala ndawo uZandisile Tokwe uyaziphika iingxelo zokuba yena wathembisa aba bahlali ngendawo zokuhlala eUnit P.

“Alikho icebo lendawo yokuhlalisa aba bantu, le Unit P bathetha ngayo ineengxaki zayo zezindlu ezithelekisa abantu baphaya ngoku sithethayo,”uthethe watsho uTokwe.

Uthi nguye owabangela ukuba umasipala angabakhuphi aba bantu kwezi zindlu kuba abasenalo ilungelo lokuhlala kuzo.

“Kwakuhlala izihlobo zabo eziquka ootata babo ababesebenza kwamasipala kweli sebe lamanzi, bona abanagunya lakuhlala kwezi zindlu kuba abasebenzi kumasipala waseBCM, ndabacelela ke ukuba bagcinwe kuba bengenayo indawo yokuhlala,”ucacise watsho uTokwe.

Alukho uhlobo lwenkonzo olufikelela kule ndawo nanjengoko kungekho nendlela engenayo ukusondela kwaba bahlali.

U-Abulela Nkweba uthi kukho igosa lakwamasipala elibahlelele ngokubagrogrisa yonke imihla yokuphila kwabo.

“Kukho indoda ekuthwa nguNceba Ngoje ifika nokuba kunini apha isixelela ukuba siza kuhamba apha sifane sagoloza, uthi kuza kuvalwa nalamanzi amdaka siwaselayo apha,” kutsho Nkweba.

Uninzi kubo lufike kwezi zindlu ngeminyaka yoo-1980, abo bazelelwe apha baneminyaka engaphezu kwamashumi amathathu behlala kobu bugxwayiba.

Isithethi somasipala waseBCM uSamkelo Ngwenya uthembise ngokwenza uphando ngoku.

“Sidinga ixesha elaneleyo lokuba sikhangele kakuhle ukuba ingxaki iphi na, ukuze kufumaneke isisombululo kule ngxaki,”utshilo.