Bashiyeke bengenamakhaya ngenxa yenkanyamba

Amaxhoba ashiyeke engenamakhaya kwilali yaseKhayamnandi eBhofolo Imifanekiso: ithunyelwe

Zishiyeke zingenamakhaya iintsapho ezingaphaya kwekhulu kwilali yaseKhayamnandi eBhofolo emva kokuba imizi yala lali ithe yahlaselwa yinkanyamba ngoMgqibelo emva kwemini.

UMfundisi uSelby Madwe webandla lamaWisile encokola nephephandaba I’solezwe, udize ukuba ibe ngumbono ombi athe wafikela kuwo ngethuba eyokufaka umthandazo kumaxhoba ashiyeke elala phandle ngokumkelwa yimizi.

Ingxelo ithi, kuze ilifu elimnyama ngesaquphe emva kwentsimbi yesithathu emini nelifike lagqugqisa lakhukulisa imizi yabantu.

Ube mnye umntu othe wabalekiselwa esibhedlele kumaxhoba emva kokuba ethe wasikwa lizinki eliwa phezulu endlini. Ukanti kwakule mizi, eminye yawo isemitsha kraca, isagqityezelwa ukwakhiwa.

“Xa kukho intlekele enje kuye kunyanzeleke ukuba icawe ibonakale kwintlalo yoluntu inikeze nenkxaso kwaye inike ithemba ngokwasemphefumlweni,” utshilo umfundisi uMadwe.

Uceba wala mmandla umama uMjo akakhange awuphendule umnxeba wakhe.

Ngokwengxelo umasipala wala mmandla iRaymond Mhlaba sele ekhawulezile wawanceda amaxhoba ngokuthi awanike indawo yokufihla intloko. Ukanti nonoontlalontle bafikile beyokunika inkxaso kwiintsapho.