Mondli Funani: Ngeke uthotyiselwe uMthatha Bucks

Imeko yoMthatha Bucks odlala kwaFirst National Division iyaxhalabisa.

Eyona nto yenza kube kubi kukuba Amathol’amnyama awayiphumeleli imidlalo ebekufaneluba ayiphumelela ngaphandle kobunzima.

Kwiveki ephelileyo, eli qela laseMthatha lisinde ngokulambisa kwi-University of Pretoria kumdlalo obunzima ophele ingu’1-1 eMthatha Stadium.

Inqaku elinye elifunyenwe yiBucks kumdlalo ogqithileyo liyincedile ngoba ayikudanga kumaqela alandela emva kwayo ngamanqaku – kodwa into embi kukuba isesengxakini ngoba isekwindawo yeshumi elinesihlanu.

Into ethetha ukuthi ukuba kule midlalo ilithoba ishiyekileyo ayikwazi ukuqokelela amanqaku apheleleyo – ingazibona ithotyiselwa.

Isekela mqeqeshi leBucks, uMondli Funani, lizamkele iziphumo zomdlalo odlulileyo emva kokuba iqela lakhe likwazile ukufaka igowuli kwimizuzu yokugqibela emdlalweni.

Nakubeni kunjalo – kodwa okaFunani uthe zikhona iindawo ezixhalabisayo kwiqela lakhe ekufuneka bazilungise kule midlalo izayo.

“Indawo esiza kugxila kuyo kwiqela lethu kuphambili phaya kwiifolosi nasemva kwazo ngoba kulapho ekufanele kudalwe khona amathuba. Asiwadali ngokwaneleyo amathuba emidlalweni. Ndicinga ukuba abadlali baza kusibonisa izinto xa sidlala neLeopards ngoba ngumdlalo omkhulu. Njalo xa sidlala namaqela aphezulu, abadlali bethu badlala umdlalo oncomekayo,” utshilo uFunani.

NgoMgqibelo, uMthatha Bucks wamkela iqela eliyingozi kakhulu iBlack Leopards kumdlalo ozakube useMthatha Stadium ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga.

Ukuba Amathol’amnyama akazimiselanga, angantywiliselwa yiLeopards – kodwa uFunani uthembisile ngelithi uMthatha Bucks uza kusinda ezembeni.

“Siza kusinda ezembeni ngoba xa ujonga indlela amaqela aqhuba ngayo, ayisifaki engxakini.

Kwiveki ephelileyo, amaqela amaninzi abethiwe, amanye adlale ntanganye. Ndingatsho ke ukuba imeko yethu ayimbanga olo hlobo.

Imeko yethu isesezandleni zethu ngoba asixhomekekanga kwamanye amaqela.”

pedro.mapelo@inl.co.za