Bafuna imali kaNSFAS abafundi baseBCC

Iziko lemfundo ephakamileyo iBuffalo City College eMonti, nalapho abafundi bebesadulela imali kaNSFAS ngentsasa yangoMvulo. UMFANEKISO: Siyanda Jantjies

 Abafundi bekholeji yaseBuffalo City (BCC) bath’ imeko yale kholeji iyakubuyela esiqhelweni xa oomanejala beli ziko bephendule kwizikhalazo ezingqonge umba wemali.

 Ngentseni yangoMvulo, abafundi bangxange emasangweni bevuma amagwijo omzabalazo, benyanzelisa abaphathi ukuba bazokuphendula kwizikhalazo malunga nemali yenkxaso yabafundi karhulumente (National Student Financial Aid Scheme [NSFAS]).

 Oonogada bekholeji kunyanzeleke ukuba basebenzise amandla ukuchitha elo gquba labafundi. Abafundi babanga ngelithi babethiwe ngoonogada ngethuba besuswa kumasango esi sikolo.

 Umfundi ohlala eDuncan Village uMzimkhulu Molose, uthi baxelelwe yikholeji ukuba abafundi bakaLevel 2 abazukuyifumana imali kaNSFAS.

“Ndiyazisokolela, ndihlala kude. Xa ndingazukuyifumana imali kuthwa mandifunde ngantoni? Bandidlakathelisile oonogada, bandingquba esangweni lesikolo kuba ndikhalela amalungelo wam,” kutsho uMolose.

 USinelizwi Mbelani owenza unyaka wesithathu kule kholeji uthe: “U-NSFAS uyayikhupha imali kodwa thina siyasokoliswa yikholeji ukuyifumana. Mna ndihlala eMdantsane, ndisebenzisa imali ukukhwela iteksi. Xa ndingafumani imali kuthwa mandenze njani?” kubuza uMbelani.

 Ngethuba I’solezwe lifika kule kholeji, abafundi bebengxange ngaphandle bambi beziziqhu.

 Emasangweni bekungxange oonogada, beqaphela kwamfundi usondela kufuphi nekholeji.

 Oomanejala bekholeji abafumanekanga ukwenza ilizwi ngethuba sibhala eli nqaku nanjengoko bebevalelene ngaphakathi kwindibano.