Kuqosheliswa iingxoxo ngekamva likaZuma

UCyril Ramaphosa ethetha kusuku lokuqaphela ukukhululwa kukaMandela eGrand Parade eKapa UMFANEKISO: ANA

UMongameli weANC uCyril Ramaphosa uthembise ngelithi iingxoxo ngekamva likaJacob Zuma njengoMongameli woMzantsi Afrika ziza kuqosheliswa ngenjikalanga yangoMvulo.

Ethetha eGrand Parade eKapa ngeCawe, apho bekubanjwe umsitho wokuphawula ukukhululwa kukaNelson Mandela ejele kwiminyaka engamashumi amabini anesibhozo eyadlulayo, uRamaphosa uthi umba wekamva likaZuma ufuna ukuphathwa ngobunono.

Kwimbalelwano ekhutshwe nguNobhala weANC uAce Magashule ngeCawe, kukhwetywe indibano yesikhawu yekomiti embaxa yeANC e-Irene eTshwane ngenjikalanga yangoMvulo.

“Le ndibano yangomso [ngoMvulo] izakuqoshelisa wonke umsebenzi weengxoxo ebesinazo ngokumayelana nombandela wokudluliswa kweentambo zolawulo. Konke oku kuza kwenziwa ngobunono nangokukhumbula uMadiba, owayekhokelisa ubunye kwinto yonke ayenzayo,” utshilo uRamaphosa.

“Abantu bakuthi bafuna lo mba ude uqosheliswe. Njengokuba nifuna njalo, lo mba siza kuwenza ngokujonge imidla yoluntu lwaseMzantsi Afrika kwaye iziphumo zoku ziza kuba zihle kwilizwe liphela nakwiANC buqu,” kutsho uRamaphosa.

Ethetha ngoMandela, kwintetho yesiNgesi ebivangwe ngesiBhulu nesiNguni, uRamaphosa uthe bazakuthi gqolo ukulwa ubuqhophololo.

“Siza kuqiniseka ukuba abo banobuqhophololo bajongana nengalo yomthetho,” kutsho uRamaphosa.

URamaphosa uthi imini yokukhululwa kukaMandela ejele, apho wayekhona kuyo buqu, sokuze ilibaleke kubantu baseMzantsi Afrika kuba yayingumfuziselo wokuzalwa ngokutsha kweli lizwe.