Ubanjwe ekobentlombe ubuthongo emva kokudlwengula

Ukukhawuleza kwamapolisa akuGatyana kubangele ukuba kuncedeke inkosikazi ethe yakubona ukuba indoda ebiyidlwengula ilele, emva kwesehlo sodlwengulo, yaleqa emapoliseni apho umrhanelwa efunyenwe ekobude ubuthongo.

Umrhanelwa uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu logama inkosikazi ineminyaka engamashumi amabini anesibhozo.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi isehlo sodlwengulo senzeke ngobusuku bangoMgqibelo kufuphi nedolophu yakuGatyana.

“Le nkosikazi ibisaphume phandle kwindawo yentselo, ze kwathi gqi umrhanelwa othe wakhupha imela enyanzelisa le nkosikazi ukuba iye kowabo kufuphi nedolophu yakuGatyana. Kurhaneleka ukuba le ndoda idlwengule le nkosikazi emva koko yabiwa bubuthongo.

“Kulapho ixhoba lithe lavuka layokubika emapoliseni isehlo. Amapolisa akakhange achithe xesha, aye kwindlu yesehlo afika umrhanelwa esalele ze ambamba,” utshilo uManatha.

Umrhanelwa uzakuvela phambi kwenkundla kamantyi wakuGatyana ngoLwesibini (umhla weshumi elinesithathu).