Libulalelwe ‘imali ezalayo’ ipolisa eKapa

Ipolisa ebelisekhefini libulewe ngamadoda amabini ekhayeni lalo IMIFANEKISO: Phando Jikelo

EKAPA: IPOLISA ebelizalisa ngemali lidutyulwe phambi kosapho ngoLwesine eKhayelitsha labhubha ngoko nangoko baze oonqevu ababini babaleka nemali ebisengxoweni.

Nangona usapho lungavumanga ukuthetha lusithi lusadandathekile, abahlali bakoo-S eSite B, apho uVeli, abangamaziyo ifani yakhe ebehlala khona, bathe kucacile ukuba le migulukudu ibize ngeenjongo zokukhuthuza.

USindiswa Styata uthe uVelile ubizwe ngumntwana wakhe esevenkileni esithi kukho abantu abamfunayo endlwini. “Uhambile nyani waya kusabela. Kwangoko bamnyanzela ukuba angene endlwini. Uthe unkosikazi wakhe wakuqaphela ukuba baphethe imipu wangxengxeza ukuba bangabulali abantwana bakhe. Baye bathi angabinaxhala bafuna utata kuphela. Baye bathi makarhole imali eseplasitikhini eluhlaza. Bathe basakuyifumana bamdubula babaleka,” utshilo.

UMichael Mhluzi uthe uve ngezithonga egqitha emzini kaVeli waze wazimela evenkileni ekufutshane. “Aba bantu bebezokukhuthuza qha. UVeli ebebolekisa ngemali ezalayo. Kwaye kucacile ukuba bebeyazi ukuba ikhona kwaye iphi. Jonga kwale nto bathi iseplasitikhini enjani,” utshilo.

Isithethi samapolisa uAndre Traut uthe kuphandwa ityala lokubulala emva kokubulawa kwepolisa ebelingaphangelanga. Uthe eli polisa lineminyaka engama-45 lidutyulwe malunga ngo 20:35. Uthe elibpolisa beliyisajini yaseLentegeur. “Usweleke emva kokudutyulwa ngasendlwini yakhe eSite B xa bekukhuthuzwa. Amadoda amabini afune umpu wakhe obushiyeke esikhululweni. Babaleke nomnxeba kunye nemali engaziwayo ukuba yimalini.”

Onolwazi ngesi siganeko angatsalela umnxeba kule nombolo  08600 10111.