UZolani Tete noBukiwe Nonina bazuze amawonga abalulekileyo!

UMlandeli Tengimfene noZolani Tete bephethe iimbasa zabo emva komsitho wamawonga eBoardwalk, eBhayi, izolo. Umfanekiso: Pedro Mapelo

UZolani Tete
ufumenne iwonga lembethi manqindi yonyaka kumsitho obumhle kakhulu wokuwongwa kweembethi
manqindi obubanjelwe eBoardwalk Casino, eBhayi, izolo ebusuku. Lo msitho weBoxing
South Africa (BSA) – obuqala ukusingathwa liphondo leMpuma Koloni – ubuzinyaswe
ngabantu abahloniphekileyo kwezemidlalo jikelele abaquka uMphathiswa
weZemidlalo kwizwelonke, uThulas Nxesi, uMphathiswa weZemidlalo kweli phondo,
uPemmy Majodina, ingqonyela yeBoxing SA, uTsholofelo Lejaka, iimbethi manqindi
nabanye abantu ababandakanyeka emanqindi. Indedeba yakwaTete izityele itheko
ngethuba isithiwa jize ngewonga elikhethekileyo. Kanti khange kuphelele apho
ngoba uMnumzana uMlandeli Tengimfene, umanejala kaTete – ugoduke newonga
lomanejala wonyaka.

UTete,
oyintshatsheli yeWBO Bantamweight ezalelwe eMdantsane, uzenzele udumo
kwihlabathi lonke ekupheleni konyaka ophelileyo (2017) kumlo awabetha kuwo uSiboniso
Gonya kwimizuzwana elishumi elinanye (eleven seconds) kwindawo ekuthiwa
yiBelfast kwizwekazi laseYurophu. Kumanenekazi uBukiwe Nonina uthathe iwonga
lembethi manqindi yonkaka eMzantsi Afrika ityeli lesibini. Le mbethi manqindi
yaseDutywa yenjenjalo nakumsitho ofanayo nalo owawubanjelwe eThekwini
ngaphambili. UNonina wazenzela imbali ngokuthi abeyimbethi manqindi yokuqala
elinenekazi eMzantsi Afrika eyakhusela intshinga yeWBF amatyeli amahlanu. Iwonga
loyena mququzeleli wamanqindi othe waqaqamba kunyaka ophelileyo lifunyenwe
ngu-Ayanda Mmatiti okhokela iXaba Promotions.

 Image may contain: 1 person, smiling

Amawonga
ahambe ngolu hlobo:

Most
promising male official: Mandisi Mkile

Most
promising female official: Pumeza Zinakile

Male ring
official of the year: Deon Duarte

Most
promising promoter: Shereen Hunter

Match maker
of the year: Luyanda Kana

Manager of
the year: Mlandeli Tengimfene

Media
person of the year: James Gradidge

Trainer of
the year: Colin Nathan

Promoter of
the year: Ayanda Matiti

Life time
achievement: Archie Jonas, Basil Brice, Derrick Watson, Elijah Makhathini, Mzi
Mnguni

Female
prospect of the year: Simangele Hadebe

Male
prospect of the year: Lunga Sitemela

Special
Award: Zolani Tete, Nick Lourens, Joy Greyvenstein

Female fight
of the year: Prudence Mapule

Male fight
of the year: Gideon Buthelezi

Knockout of
the year: Lerato Dlamini

Female
boxer of the year: Bukiwe Nonina

Male boxer
of the year: Zolani Tete