Amawaka akanandawo yokufunda kwiiyunivesithi zeMpuma Koloni

Omnye wabafundi ofotwe elelee phambi kwamasango eYunivesithiUmfanekiso: Bongani Shilubane/ANA

NGAMAWAKA ngamawaka wabafundi abathe bafaka izicelo kwiiyunivesithi zaseMpuma Koloni, nekungoku nje sele bephoxakele ngenxa yokunqongophala kweendawo zokufunda kwezi yunivesithi.

Emva kokuba umbutho i-Economic Freedom Fighters uyalele abafundi ukuba baye ngenyawo kwiiyunivesithi zeli bayokufaka izicelo zokufunda, kulandela isibhengezo sikaMongameli Jacob Zuma semfundo yasimahla eyunivesithi, yindimbane yabafundi ethe yenza uludwe kwiiyunivesithi zeli lizwe ngeliyokujonga ithamsanqa lokwamkelwa kwizifundo zalo nyaka.

NaseMpuma Koloni bekunjalo, ukusuka eNelson Mandela University eBhayi ukuya eRhodes eRhini, eFort Hare eDikeni naseMonti ukuya kuqhina eWalter Sisulu University eMonti, Komani, Gcuwa naseMthatha.

Ngelishwa ke kuloo ndimbane, bambalwa kakhulu abafundi abazakuthi bamkelwe ziiyunivesithi zeli phondo.

Isithethi saseWSU uYonela Tukwayo uthi bafumene izicelo ezikumashumi amane amawaka (40 000), kwizithuba nje ezikumawaka asixhenxe anamakhulu amahlanu (7 500) zokufunda abanazo kulo nyaka.

UTukwayo uthi ubhaliso lwabafundi bazakuluqala ngomhla wamashumi amabini anesibini kule nyanga ukuya kumhla wesithoba wenyanga ezayo.

Yena uDebbie Derry waseNMU uthi bafumene izicelo ezikumashumi amahlanu anesixhenxe amawaka (57 000), kwizithuba nje ezikumawaka amathandathu anekhulu (6 100) zokufunda kunyaka ka2018.

UDerry uthi kwiveki ephelileyo, bebeyivulile inyoba yabo bafuna ukufaka izicelo kule yunivesithi eneekhampasi ezisixhenxe.

Isithethi saseFort Hare uKhotso Moabi uthi bafumene izicelo ezikumashumi amane anesibini amawaka (42 000). UMoabi uthi kule 42 000, bangamawaka asibhozo (8 000) kuphela abaselungelweni lokungena eyunivesithi.

“Isicwangciso sethu kulo nyaka kukuthatha kuphela abafundi abangamawaka amabini anamakhulu amane namashumi amane anesine (2 444). Kwakhona, sinesicwangciso sokulonyusa eli nani liye kumawaka alishumi elinesihlanu elinamakhulu alithoba (15 900) kunyaka ozayo,” kutsho uMoabi.

Iinzame zokufumana uluvo ngeYunivisithi iRhodes eRhini azikhange ziphumelele.