Impixano emaMpondweni, uZanozuko uyabekwa

Nangona kungekho themba lomanyano kwisizwe samaMpondo, umbutho iMbumba yamaMpondo umi kwelokuba uzakubeka iKumkani uZanozuko Tyelovuyo Sigcau eNdimakude eSiphaqeni ngoLwesihlanu.

Unobhala walo mbutho uMduduzi Sibulali uthi ahambela phambili amalungiselelo okubeka le Kumkani ngokwesiko lamaMpondo.

“Kaloku le nto yokubekwa kweKumkani ngurhulumente yinto entsha eze nabelungu, iKumkani ayiyo yenkundla okanye urhulumente, koko yeyesizwe sayo, amaMpondo azakubeka iKumkani ngoLwesihlanu,” uthethe watsho uSibulali.

Nangona kuqhutywa la malungiselelo okubeka le Kumkani, iinkokheli eziphambili kwimicimbi yobukhosi eMpuma Koloni azinalwazi ngoku.

Usihlalo wendlu yeeNkosi eMpuma Koloni uMwelo Nonkonyana uthi akakhange axelelwe ngalo mcimbi.

“Ndisisihlobo seKumkani, ndiyiNkosi phantsi kweKumkani, ndingusihlalo wendlu yeeNkosi ephondweni, andikhange ndidibane nawo lo mcimbi andiwazi,” ucacise watsho uNonkonyana.

Ingxelo ithi lo mcimbi bekumele ukuba uqhutyelwa eMzindlovu eLusikisiki nanjengoko ilelona komkhulu lisemthethweni lamaMpondo.

“Sifumene isithintelo senkundla esithintela ukuba singawuqhubeli phaya umcimbi, eliya likhaya kooyisemkhulu bale Kumkani, uKumkani uFaku ulele phaya nezinye iiKumkani zamaMpondo, sithe ke satshintshela eNdimakude ngenxa yeli phepha lenkundla,” utshilo uSibulali.

Isizwe samaMpondo senziwa zizizwe eziquka amaBhala, Khiwa, Khwetshube, Mantlane, Khwalo, Manyathi, Manci, Njilo, Sikhalaze, Magoba, aMavalela nezinye.

“Zezi zizwe ezinegunya lokubeka leKumkani yazo ngenxa yokuba kudala bejikeleziswa ngabantu abachase ukubekwa kweKumkani yamaMpondo,”utsho uSibulali.

Ingxaki kweli komkhulu iqale emva kokuba ikomishini kaNjingalwazi Thandabantu Nhlapho ikhuphe ingxelo zokuba nguZanozuko iKumkani yamaMpondo.

Ngo2010, umongameli Jacob Zuma wakhupha isiqinisekiso sokuba nguZanozuko iKumkani yamaMpondo.

Indlu kaKumkani uMpondombini Sigcau yiyo ethe yavela ibonakalisa ukuchasa kwayo ukuphatha kwale Kumkani.

“Kuyaxaka ukuba kule nyanga izayo kuyiwa enkundleni ngalo mcimbi, siyaxakeka ke ngoku xa kusithwa kubekwa iKumkani,” utshilo uNonkonyana.

UNkosi Nzululwazi Sigcau yenye yeeNkosi ekulindeleke ukuba ikhokele inkqubo yokubeka le Kumkani.

“Izindlu eziphambili kumaMpondo zizo ezizakwenza lo msebenzi ngokwesiko, ezo ziquka uSigcau, Mqikela noHlamandlana,”utshilo uSibulali.

Ukanti uNkosi Nzululwazi Sigcau uthi akazani nawo lo mcimbi. “Akukho sivumelwano sikhoyo phakathi kwethu sizizindlu zamaMpondo, yinto yabantu baseNdimakude yonke le, akukho ndima izakudlalwa ndim apha kuyo yonke le nto,” uthethe watsho uSigcau.

Zingaphezu kwamashumi amabini iinkomo ekulindeleke ukuba zixhelwe ukusukela ngoLwesithathu kweli komkhulu.

“Zininzi izipho ezizayo ezivela kwisizwe, silindele neKumkani yamaXhosa, abaThembu kunye neKumkani yamaZulu,” utshilo.