Uthi uDumi Mkokstad wamkhuphisa isisu!

UDumi Mkokstad oyimvumi yomculo weGospile

INTOKAZI ebiyintombi nto ikhala ngemvumi yegospile uDumi Mkokstad ukuba ummithisile wagqiba wamnyanzelisa ukuba asikhuphe isisu.

UNomfundo Ngcobo (21) waseSipingo Hills ekumazantsi eTheku, uthi sele bevumelene nosapho lwakhe kwelokuba uMkokstad kufuneka ahlawule.

Uthe bavumelene nonina ekunye namanye amalungu osapho kwelokuba kuzokumele azokohlawula umonakalo kwaye ahlambe nomzi.

Uthe wayengazange alale nomntu oyindoda ngethuba elala noMkokstad odume ngokucula iingoma zegospile aze akhase phantsi.

“Sahlangana noDumi kuFacebook ngeyeThupha nyakenye. Saqala saba ngabahlobo saphela sesidyola. Wandisa apho ahlala khona eMusgrave. Endlwini safika umntakwabo ehleli nentombi yakhe. Sahlala kancinane nabo basishiya sobabini. Kulapho ke uDumi wandithatha wandiphosa ebhedini, wandikhulula, wagqiba walala nam. Ndamcenga ukuba afake ikhondom, wandibuza ukuba uzokulala njani nentombi nto ngekhondom. Wandivisa ubuhlungu obusisimanga. Emva koko walala ejonge phezulu ebile emanzi tixi,” kubalisa uNomfundo.

Uthi emva koko bahlala kancinane, uDumi wamkhapha, wamshiya kwiiteksi eziya eMlazi, wamnika i-R100, kodwa wayala.

“Besisoloko sinxulumana njengabantu abathandanayo. Ndimndwendwela nakwi-studio sakhe esiseWest Walk. NgeyoMsintsi siphinde sahlangana eflethini yakhe, sabelana ngesondo kwakhona. Ndamcela kwakhona ukuba afake ikhondom, wala, wathi xa sele efika kuvuthondaba uzokuchithela ngaphandle, kodwa akakwenza oko. Wathi mandithenge iipilisi ekuthiwa zii-Morning After, ndazithenga, kodwa azandinceda ngoba ndakhulelwa nangona ndandiziselile ezi pilisi.”

Uqhube wathi wadlulwa lixesha lokuya exesheni, wathenga ikiti yokuvavanya ukumitha, wazihlola kodwa ayavela eyokuba ukhulelwe.

“Ndamxelela uDumi ukuba ndikrokrela ukuba ndikhulelwe. Wathi mandiye kugqirha. Ndafumanisa ukuba ndinenyanga ndikhulelwe. Ndamxelela uDumi ngokukhulelwa kwam, yangathi ndithi makanditye. Wathi mandikhuphe isisu ngoba ngeke amondle umntwana. Wandiyalela ukuba kuzakufuneka ndiyosikhupha eWest Walk. Wathi mandiyokubuza yimalini ukusikhupha, kwathiwa yi-R500. Ndamxelela wandithumelela iR700 ndasikhupha.”

I’solezwe lesiXhosa linayo imiyalezo ebhalwe ukuba iphuma kuDumi.

Omnye wayo ngowe-R700 ofakwe nge-eWallet.

Emva koko bamuncu ubudlelwane babo. UNomfundo uthi izinto zonakele emva kokuveza ukuba ukhulelwe.

Udize ukuba uDumi ebesele engayibambi iminxeba yakhe. UNomfundo uthi ngethuba exelela uDumi ngokukhulelwa kwakhe wathi akamfuni umntwana ngoba omnye anaye wamfumana ngolu hlobo.

Kukrwecwa uDumi Mkokstad, uqale wathetha kakuhle ingekabuzwa ekaNomfundo.

Asakubuzwa ngalo mcimbi uvele watshintsha esithubeni, wacela ukuba athunyelwe i-e-mail ukuze aphendule kuyo, waze wacima naloo fowni engaphendulanga.

Imiyalezo ayithunyelelweyo khange azidine ngokuyiphendula.

Umanejala wakhe, uMxolisi Mhlongo, uthe ayizokuphefumla ngcono singqale ngqo kuDumi.