Zabhitya iintsana kwatyeba iimpelesi

Ukuphangela nokuhlala eMpuma Koloni yinto apha enokophula umphefumlo; ingakumbi xa wakhe wahlala iminyaka kwamanye amaphondo. IMpuma Koloni liphondo apha elibhuqwa yintlupheko engathethekiyo.

Liphondo elingaqhubi kakuhle kwezemfundo. Liphondo elineendlela ezimbi nezakhiwo ezindala. Kodwa ikwalilo nephondo labantu abanamaphupha amakhulu.

Kusakuthi gqi kwa malana umntu akaphozisi maseko uyitya ngoko nangoko kwizinto ezakuthi zibonakalise ukuba ukhe wadibana nemali yena. Eyokuba loo mali isetyenziswe kwizinto ezinokuphuhlisa intlalo-ntle yabanye yilibale. Asinokubagxeka abantu abanjalo.

Intlupheko bona kuqala bayayazi kwaye iphupha kukuba bazityele imali yabo ngendlela ekholisa bona. Akho mntu uzakuxelela omnye umntu ukuba makayitye njani imali ayisebenzele nzima apha! Injalo.

Ezi zinto sizicingiswe xeshikweni sibukele le mibhiyozo yeANC eMonti kule mpelaveki siphuma kuyo. Bekunyuka kusehla imicagogo yeminyobo yemigrugra kanokutsho exabisa izigidi ngezigidi zeerandi.

Bekugcwele nje abantu abanxibe iimpahla ezinamagama, abantu abathetha ngezigidi zabo ezithe zathi. Kwisikhululo seenqwelo-moya kume iinqwelo-moya zabucala ezine.

Ngeenjikalanga bekugcwala kwizikroxo, ubone kuthengwa iibhotile ezixabisa amawaka ngamawaka inye. Iihotele bezigcwele zithe qhu. Nalapha kwiphepha lethu lanamhlanje siyabhala ukuba ingeniso eyenziwe ngumasipala iBuffalo City ipha kwizigidi ezingama-150 zeerandi.

Yinto entle ke le. Besifikelwe zizinhanha zokwenene kweli lethu. Asazi ke nokuba amahlwempu la asithi kweli phondo kufuneka azive njani xa ebona kwa ezi nkokeli zonyulwe kwa sithi zisitya kangaka?

Ude uzibuze ukuba ngoobani na aba bantu banemali kangaka? Baqhuba iimoto ezintle kangaka? Ikwa ngaba bonyulwe ngamahlwempu?

Siliphepha, asigxeki, kodwa xa sesijonga ingathi amaphupha ethu singabantu abantsundu agxile kakhulu ku “mna kuqala”, bayaphi na abantu abacingela abanye nokuphelisa intlupheko?