Iyaxabana iDA ngombandela kaDe Lille

USodolophu waseKapa uPatricia de Lille UMFANEKISO: ANA

EKAPA:  USIHLALO wogunyaziso-mthetho kwiDA uJames Selfe uthi udanile ngamalungu alo mbutho axoxa iingcinga zawo namaphepha-ndaba ngemeko kaSodolophu uPatricia de Lille, esithi mawohlukane nokwenza oko nanjengoko isigqibo siza kuthatyathwa ngeCawe.

Umsebenzi kaDe Lille wajinga ngomsonto ukusukela oko wathi wanqunyanyiswa kwimiba emalunga neDA kunyaka ophelileyo emva kokuba waye waphandwa ngezityholo zokulawula gwenxa isixeko nokuphucula ukhuseleko emzini wakhe osePinelands.

NgoLwesithathu, usihlalo weDA kwingingqi yeMetro uGrant Twigg wakhupha isibhengezo esithi lo mbutho uthabathe isigqibo sokumsusa esihlalweni uDe Lille.

UDe Lille waphendula ngelithi uTwigg makaveze ubungqina bentlanganiso ebibanjwe ngamasebe nokuba bebeyalelwe ngubani.

USelfe uthe: “ I-DA idanile ngamanye amalungu ombutho abhengeza ingcinga zawo malunga nemeko kaSodolophu uPatricia de Lille kumaphepha-ndaba kwaye mabohlukane nokwenza oko.”

“Lo mba uphethwe sisigqeba sokweluleka izimilo okanye lugunyaziso-mthetho bona banegunya lokuthabatha izigqibo zombutho kwaye bayakuhlangana ngeCawe baxoxe kuvokotheke ngazo zonke izityholo ezibekwa uSodolophu,” utshilo.

USelfe uthe i-DA iyakuthabatha isigqibo esizakukholisa abantu baseKapa kwaye kubalulekile ukuba le nyewe ihambele phambili ngaphandle kokuba kuqale kugwetywe kwaye kuthatyathelwe ingqalelo ubuzaza bezityholo.

Uceba weDA uVuyokazi Matanzima uthe naye uyive ngamaphepha-ndaba le nto kwaye uyavumelana noSelfe kwelokuba lo mba mawuyekelwe ezandleni zabogunyaziso-mthetho, iFedex.


“Singoobani thina ukuba singabhengeza izimvo zethu xa umba ukwabasemagunyeni wokuthatha izigqibo zombutho. Okwethu kokokuba silindele isigqibo esiyakuthi sithatyathwe,” utshilo.

Umbhexeshi weANC kwisixeko saseKapa uXolani Sotashe, uthe le nto iveza ubuzaza beentanda ekudala zabakhona kwiDA. Uthe uSelfe yena kuqala ungunobangela wokuba amalungu eDA abhengeze izimvo zawo esidlangalaleni malunga nemeko kasodolophu.

“Kukho iyantlukwano enkulu kwiDA, lo nto iye icaca gca ngoku. Uyaxoka uSelfe xa esithi akayazi le nto ithethwa nguTwigg kuba yena kuqala ufuna aphume uDe Lille,” utshilo.

Inzame ze-I’solezwe zokuthetha noTwigg aziphumelelanga nanjengoko engawuphenduli umnxeba.

UDe Lille uthe akanakohlomla nanjengoko lomba uphethwe sisigqeba sokoluleka izimilo. Uthe uzifakile izizathu ezinokubangela ukuba angehliswa esikhundleni sakhe ngoko ke ulindile isigqibo esiyakuthatyathwa ngeCawe.