Bayakhala oonogada!

Molweni Solezwe, sinengxaki, siyaxhatshazwa zezi nkampani zabucala – sisebenza iiyure ezili-12, asina-lunch ke kule ndikuyo mna, utya umile kodwa imali ayitsho….Government Gazette yonyukile imali yoonogada kodwa asibonanga lonto thina. Ndicela uRhulumente azibhangise ezi Nkampani zabucala, masiqashwe zezi departments sizigadayo, hayi khona! ayikho le! Mkhulu umsebenzi owenziwa sithi, ubomi bethu busemngciphekweni.

Imali yeNight yi-R5 (Night allowance) wawuvephi ungalali ngenxa yeR5….hayi siyaxhaphazeka rhulumente, lonto ke ndoyisiwe nokubhala ngoba nawe Rhulumente awungeneleli kunini sikhala, umel’uba uyifakele izibuko(??) le ngxaki yoonogada.

– Unogada, eNgqushwa