“Ebebathanda abantu uMlungisi Bali”

UMlungisi Bali ebengumdlali onekamva eliqaqambileyo embhoxweni. Umfanekiso: uthunyelwe

Ubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela owayesakuba ngumdlali
weqela lesizwe lombhoxo labadlali abaneminyaka engaphantsi kumashumi amabini
uMlungisi Bali. Lo mdlali wombhoxo wahlatywa
emgidini ngomhla amashumi amabini anesibhozo kweyoMnga kunyaka ka-2017.

UBali, 27, ochazwe njengomntu ebabathanda abantu kwaye
ebahloniphile. Uzakungcwatyelwa kwilali yaseSheshegu cebu kuhle eDikeni ngomhla
weshumi elinesithathu kule yoMqungu. Isithethi sosapho utata uZama Mgjima uthi
balahlekelwe kakhulu belusapho. “Silahlekelwe
kakhulu silusapho, uMlungisi besijonge lukhulu kuye,” utshilo uMnumzana
Mgijima.

IBlue Bulls – apho uBali achithe ixesha elininzi khona
ukusuka ngonyaka ka-2007 ukuya ngo-2010, imchaze njengomdlali obenasakhono
nobenembeko kakhulu kwikhasi lonxibelelwano uFacebook. Umzumzana uMgijima uthi ubenzele igama uBali belusapho. “Usebenzile
kakhulu lo mfana. Usibeke endaweni ephezulu kakhulu silusapho. Siyakuhlala
simkhumbula,” utshilo uMgijima

UBali wayeyinxalenye yeeBhokhwe ezazidlala kwindebe
yomhlaba ngonyaka ka-2010 e-Argentina – apho wadlala khona nabadlali abafana
noo-Elton Jantjies, Patrick Lambie nomhlobo wakhe uCJ Stander. IBorder Bulldogs neGriffons ngamanye wamaqela ahlawulayo
athe wawadlalela. Ulandulele eliphakade engumdlali weqela laseMdantsane,
iSwallows. I’solezwe lesiXhosa lithi aphumle
ngoxolo uRhadebe, uMthimkhulu, uHlubi, uBhungane, uNgelele, sohlala
sikukhumbula ngemisebenzi yakho emihle!!