Izehlo zokutshona kwabantu elwandle

Nangona ibiluvuyo kwabanye xa bekuqala unyaka omtsha, kwezinye iintsapho zakuCentane ibilunxunguphalo.

Oku kulandela emva kokuba kubhubhe iintwazana ezimbinni eziphakathi kwamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesibini ubudala emva kokutshona kwazo kulwandle iQolora by Sea elikuCentane ngethuba bebhiyozela unyaka omtsha. Amapolisa akuCentane avule iqwakuqwaku lophando, ngokwengxelo ephuma kuKapteni Jackson Manatha.

UManatha uthi, ezi ntwazana zirhaxwe ngethuba zidada elwandle. Imizimba yezi ntwazana ifumaneke kwangoko kwaye nezihlobo zamaxhoba sele zazisiwe.

UManatha uthi logama inkwenkwe eneshumi elinesibini (12) ebirhaxiwe kwa kolu lwandle ayikhange ibonakale nekuvakala ukuba uthathwe ngamaza aqatha ngethuba ibisazonwabele idada.

Amapolisa ezohlangulo iK9, izihlobo, abazali kwakunye noogxa bale nkwenkwe basathe gqolo ukukhangela umzimba wayo.

Kusenjalo kurhaxwe indoda enamashumi amabini anesithandu (26) ithe yabhubha kulwandle iKariega eKenton on Sea kumasipala waseNdlambe ngomhla weKrisimesi ngethuba le ndoda idada noogxa bayo.

Isithethi samapolisa ephondweni uKapteni Khaya Tonjeni uthi abezohlangulo bakwa-National Sea Rescue Institute kwakunye namapolisa azindadi bakwazile ukuwufumana umzimba wale ndoda nangona nje ibisele ibhubhile ngethuba ihlangulwa.

Obambele njengenkumanda kumapolisa ephondo leMpuma Koloni uNjengele Andre Swart uthe, ubomi bubalulekile ngoko ke abantu mabahlale bethe qwa ingakumbi ngeli xesha lokugqibezela iiholide zokuphela konyaka elwandle. Uthi mabangabisangena emanzini abo bazintyintye ngotywala ukulwa iziganeko ezinje.