Yityani nibeka!

Ndikhumbula mhla ndakhenketha ngeenyawo ngo-2008 ukusuka eSajonisi ukuya eCoffee Bay, ndikunye nogxa wam uCuan Dugmore endandifundisa naye kwisikolo saseWesterford eKapa.

Sasihamba neqela labafundi kukho nabakhenkethi abasuka kumanye amazwe. Mntu ngamnye kwabo bakhenkethi wayexwaye umgodlo oneempahlana zokutshintsha, amanzi, izimuncu-muncu zokuvuselela amandla, nentwana yokutya.

Ngenxa yokuba uhambo lwaluba lude phakathi kwezo lali zasemaMpondweni, sasihamba siphumla, sithobe unxano, sivuselele namandla ngokuhlafuna.

Kuloo mathuba okuphumla xa ndibona abafundi besonwabela oko bakutyayo, ndandiyala ngelithi, “bantwana bam nani bantakwethu, nincede ningatyi nigqibe kuba indlela isende, yityani nibeka nilungiselele ungomso.”

Eneneni ke sasisithi siluqukumbela olo hambo lwalusuka eSicambeni kwilali yokuqala eSajonisi, ukuya kutsho kwindawo yokuhlala ekumgama oziikhilomitha ezingama-80 nebizwa ngokuba kuseBomvu Lodge apho eCoffee Bay, abe wonke umhambi nomkhenkethi kwelo qela esenayo into eshiyekileyo anokuyisebenzisa kwezo zingxobo zaziphethwe.

Ezinye ke bezigqityezelwa ngokutyiwa nangokuba kwabelwane ngazo nabahlali abangathathi ntweni abakufuphi nalapho eBomvu Lodge.

Le mbali yokhenketho lwethu kwiilali zasemaMpondweni ezigudle ulwandle oluhle kunene olwaziwa ngeWild Coast, lundenza ndicinge indlela abantu bakuthi abachitha kakubi nangobutyhakala ngayo imali kweli lixa sikulo leeholide zokuphela konyaka, kude kuye kuma kumhla wokuqala nowesibini kunyaka omtsha.

Ngangendlela etyiwa ngayo imali ufika abantu belukrozo kwiivenkile zokutya ezifana nooKFC; MacDonalds; Steers; Spur; Wimpy; Hungry Lion; Burger King nezinye ezininzi. Phofu ndiqinisekile niyazi ukuba uninzi lwezi venkile ayizozalapha kowethu, zezamazwe aphesheya, kuthethe ukuthi ngokuthenga kakhulu kuzo, sixhasa kwaye siphuhlisa uqoqosho lwamanye amazwe.

Kuzo zonke ezi venkile, kuthengwa ukutya okusele kuphekiwe, kutyiwe ziintsapho kuhlifizwe, kuthotywe ngeziselo ezihlwahlwazayo ubabone abantu benambitha bemunca iintupha.

Okuza kulandela ke emva koku kutya nezi ziselo, kukuswantsuliswa yiswekile; ihigh-high; ukuminxeka kwezifuba nokuqunjelwa zizisu.

Ukanti ke, xa umntu ebegcine imali esipajini, kwaphekwa ukutya emakhaya, kuthotywe ngamasi; ubisi; indubela; amarhewu; inqodi; intloya nangejinjara, izifo beziya kunqaba, nemali igcinelwe ungomso.

Ngokwenza njalo singatsho siqiniseke ukuba imali yesikolo, imali yeeyunifomu, imali yeencwadi, nemali yokuhlawula irente nezindlu, imali yokuphangela nokuphindela emisebenzini kwabo basebenza kude namakhaya, ikho kwaye igcinwe kakuhle.

Ndincedeni mawethu, khanitye nibeka!

Hayi ke andifuni nokuyiphakamisa eyenkcitho-mali kwimizi ethengisa utywala basemzini. Inene akukho nto igqiba isizwe nelimaza ukuzinza kwemizi ukogqitha utywala.

Nalapho ke ingxaki asibotywala, ingxaki yindlela ebusetyenziswa ngayo, ingxaki yindlela ekuchithwa ngayo imali ngenxa yabo, ingxaki bubundlobongela nembubho eyandayo xa busetyenziswe ngokugqithisileyo.

Ngeli xesha leziyunguma, eyona mali ininzi ichithwa ngokungakhathaliyo kwimizi ethengisa utywala.

Yiya ezidolophini, uya kufika kugcwele kungekho nendawo kwimizi efana noo-Ultra liquors; Tops; Big Daddy liquors; Pick * Pay Liquors; Shoprite Liquorshop; Diamond Liquors; nezinye ezininzi.

Yiya ke ngoku nasezilalini, nalapho ufika kwiishibhini nakwiithaveni zooMam`uyand`chaza; ooTa Sncuva nabanye, kuphithizela kungumdudo woononkala, kungekho nendawo yokunyathela, ulutsha lomzi ontsundu lunyakazela, lujuxuza, lusilwa, lubulalana, ludlwengulana, kuyeyona Gomora neSodom ingathethekiyo.

Ufika umntwana womzi ontsundu elapho ebutya ebutyekeza utywala, kushushwa kuqhutywa amatakane kuse phandle.

Uye wothuke ubambe ongezantsi xa ubona nabantwanana aba bakwisithuba seminyaka eli-12 ukuya koogoloz`edingeni babaxhaphazi abakwisithuba seminyaka ekuma-45, konwatywe kunye kuloo mizi ithengisa utywala nekutyiwa kakhulu kuyo imali.

Makafike ke ngoku uJanuwari weentsizi nokudakumba. Wonke lo mntu ebechitha ekwafekethisa eqhayisa ngemali kwiindawo zokutyela nakwiindawo zentselo, ufika ehleli ecaleni kwendlu ethwaxwa yindlala, abanye abaphumi ezindlwini kuba oomatshonisa bamfuna apho akhoyo ngeemali zabo, abantwana balala ngamanzi kuba iifriji neekhabhathi zikhala umoya, imali yokuthenga iyunifomu neencwadi zesikolo ayisekho, kuqale apho ke ngoku nokuphasalaka kweentsapho, kuliwe, bungene mpela ubusela nokuqhekezelana, kuba kaloku akukhange kuhlatywe kukhangelwe, akukhange kutyiwe kubekwa!