UNyanda uyithanda akazenzisi iChippa United

Nceba nyanda

I’solezwe lesiXhosa lifumene inyhweba yokuncokola nomnye wabalandeli beChippa United abayithanda kakhulu. Usixelele ngendlela awaqala ngayo ukulandela iqela laseBhayi emva kokulandela Ezimnyama Ngenkani.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Molo Bhuti. Ndiphilile, kunjani kuwe?

PM: Kuhle nakum, enkosi. Gqaba-gqaba, ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguNceba Nyanda. Ngokokuhlala ndiseMissionvale kufutshane ne-Algoa Park, eBhayi. Ndingumlandeli omkhulu weChippa United.

PM: Khawutsho Mhlekazi, kwathini ukuze ukhethe iChippa?

Nceba Nyanda: Bhuti, ndaqala ekufikeni kwayo apha eBhayi ngo-2014. Mna ndandingumlandeli omkhulu we-Orlando Pirates. Ndandikade ndifunda njee ngayo iChippa – kodwa ngenye imini ndaya kwintlanganiso yabalandeli eyayiseNew Bright. Emva kwalo ntlanganiso, kwatshintsha yonke into. Iimpahla zam zePirates ndaphisa ngazo zonke. Ndiyithanda ngentliziyo yam yonke iChippa United kwaye yakhula kum emva kwala ntlanganiso.

PM: Uyibona injani iChippa United phantsi kukaTeboho Moloi kule sizini?

NN: Bhutisoze ndixoke. Kuninzi okuphucukileyo kwiChippa. Jonga nangoku, sibethwe nje yi-Ajax Cape Town emva kokungabethwa ixesha elide. Ndiyalithanda eli qela nabo bonke abantu ababandakanyekayo. Ngenxa yayo, amaphondo weli lizwe ndiwahambe phantse onke kwaye ndifundile nakwabanye abalandeli.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale ngeChippa United?

NN: Ndingatsho okokuba ukuvala isizini sikwiTop 8 yeyona nto endingasoze ndiyilibale. IChippa iseliqela elitsha kakhulu – kodwa phantsi kukaMoloi ithe chu nokudlala imidlalo ephucukileyo.

PM: Ngubani umdlali omthandayo kwiChippa?

NN: Yoh, baninzi kakhulu. Ndithi nguJames, uMabaso, uMarko noZuke. Aba ngabadlali abasebenza ngokuzimisela kwiChippa United ngamaxesha onke xa idlala.