Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndicela inkcazelo ngesisehlo, ndithe ndilele kumqamelo womyeni wam yangathi ndyaphupha kodwa kweliphupha okanye lo mbono ndibona into eyenziwa kuye xa elele. Ndibona efakwa umgubo esandleni kuvalwe isandla sakhe ukanti lo mgubo ufakelwa ukwenzela angayikhumbuli lento bayenza kuye, bakugqiba uwufaka lo mgubo babelane naye ngesondo. Kwalapha kweliphupha siye kumthandazeli athethe kuye lento mna bendiyibona ingabe lithetha ntoni 
 
IMPENDULO: Vuka ke nangoko kuba kuyacaca ukuba nawe usalele. Iphupha lakho likucacisela gcaa ukuba kukho undonakele kumtshato wakho hamba ke nomyeni niyofuna uncedo.
IPHUPHA: Molo mhlekazi ndiphuphe utata wam owasweleka kwiminyaka engamashumi amabini anesine eyadlulayo ehleli kunye nomnye utatomkhulu okhangeleka ngokungathi ngowalapha ekhaya naye . ingathi kukho nomqombhothi kwalapha .ingathi ndibuze apha kumnakwethu uba  xa ndichaza  lo msebenzi funeke ndithi ngowantoni athi yena yithi ngowokhulula indlela bonke abanezifo nabagulayo bakhululeke ndicela ubuza eli phupha lithetha ntoni na camagu ndinguVuyani Bangela eSeyisi KwaZakhele
 
IMPENDULO: Yenza kaloku njengoko uyalewa. Kuba iphupha eli likucacisela nqo ngekumele ukwenze.
IPHUPHA: Chosi ndinamaphupha xa ndilele ndothuka kukho inyoka phezu kwam ikhamisile yaye kusa iziphondo zam zikhululekile kum xa ndiphupha oko.
 
IMPENDULO: Ngumoya omdala lowo kwayo kufuneka ususiwe kuwe. Funa uncedo ngokhawuleza.
IPHUPHA: Camagu tata ndiphupha isthandwa sam esasweleka nge5Disemba2011 sisithi hayi xa ndilele nomnye umntu,ndipuphe amanzi amaninzi agqumayo ayandileqa kukho nenyoka kuthi gqi inja zijike kawundilawulele.
 
IMPENDULO: La maphupha akho afuna ukhangele ithuba uhlale phantsi nomhlalutyi okanye igqirha elinamava kuba aqulathe umyalezo ekungamele ubhengezwe esidlangalaleni.

IPHUPHA: Camagu kukutìni ukuphupha uhamba edakeni?
 
IMPENDULO: Camagu. Iphupha elo libonisa ingxaki okanye ubunzima ozakuhlangabezana nako. Ngoko nokuba yintoni leyo uyicebayo yazi ukuba akuzobalula.
 
IPHUPHA: Ngicela u kubuza ngabe kucazani ukuphupha umnakwenu nihlezi naye embedeni wesoka lakho nesoka mukhona kodwa liphethe ingane ekungesiyona eyenu  bese umnakwethu athy kumina ucela ngipheke kodwa ngangavuma ngamphilisa.
 
 IMPENDULO: Kutsho ukuthi isoka linezimfihlelo elinazo kuninzi elikufihlayo kuwe.
 
IPHUPHA: Camagu tata ndisandula ukuphupha ndingenwa yinyoka emlonyeni ndilale ngathi ndiyibamba ngomsila umzimba sowunga phakathi emlonyeni ingathi ndiyayitsala iqawuke phakathi ndothuke emveni koko izinto ekhaya khange kuphinde kubemnandi kum kusoloko kuxatyanwa ingaba yintoni tata.
 
IMPENDULO: Ewe kaloku ingxaki ikhona, kukho isivuthuvuthu somoya ozakucitha ikhaya elo kwaye lomoya uza ngawe. Zamani ke ukuhlala ndinqanda lonto kwaye nesisombululo sayo sikuwe.
 
IPHUPHA: Molweni tata ndicela ukubuza lithetha ukuthini iphupha laa maqanda.
 
IMPENDULO: Amaphupho ngamaqanda. Xa uphupha usitya amaqanda kutsho ukuthi uzoba nempumelelo emsebenzini okanye ezifundweni zakho ukanti xa uphupha usitya amaqanda abolileyo kutsho ukuthi kuzoba nenkathazo empilweni yakho.
 
IPHUPHA: Camagu ndicela ukubuza xa uphupha uleqwa lirhamba uze ulishiye emva koko uzibone sowusilwa nomntu ophangela naye kwakweliphupha linye kodwa umoyise, lithetha ukuthini?
 
IMPENDULO: Ngumoya omdaka lowo okanye into embi ezakwehlela ngelinye ixesha kusenokuba yingxaki yokuphelelwa ngumsebenzi.