Abasebenzi bakamasipala bacela ibhonasi kubahlali

Umasipala ombaxa iNelson Mandela Bay ulumkisa uluntu lwaseBhayi kwakunye neziphaluka ukuba luvundle emva kweengxelo zokuba kukho abasebenzi balo masipala abankqonkqozela abahlali becela imali yebhonasi.

Oku kuza emva kokuba umasipala efumene izikhalazo kubahlali, kusithiwa abasebenzi becandelo lolawulo-nkunkuma bahamba benkqonkqozela abahlali kwiilokishi zaseBhayi becela imali yebhonasi yokuphela konyaka ukongeza kwiKrisimesi yabo.

Isithethi salo masipala uMthubanzi Mniki uthe: “INelson Mandela Bay Municipality ilumkisa uluntu ikwalubongoza ukuba mabangakhe balinge babhatale lo mali kuba ayiphumi kumasipala loo nto. Bonke abo basebenzi bafumana imivuzo yabo ekupheleni kwenyanga. Umasipala uyababhatala kwaye nebhonasi bayayinikwa ngumasipala.”

Abahlali bayabongozwa ukuba xa kuphinde kwenzeka oku kubo mabakhawuleze batsalele kwezi nombolo: 041 506 7405 okanye 0800 205050. Kungenjalo bathabathe neenombolo zemoto leyo ihamba abasebenzi.