Ityendyana lidlwengulelwe kwimoto yamapolisa

Usapho lomfana onamashumi amabini ananye odlwengulwe yindoda esebenza njengomabhalana kwisikhululo samapolisa aseMount Aliff (EmaXesibeni) luthi luphila ubom bentshontsho kuba luyagrogriswa ngumrhanelwa. Umama wexhoba (44) ethetha nephephandaba I’solezwe uthi ithemba abanalo kuba umrhanelwa sele engaphandle ngebheyile kwaye usaphangela into ebonisa ukuba eli tyala labo alithathelwa ngqalelo kuba bengengenanto.
“Udlwengule unyana wam wathi angakhe ayithi vuu  Juba uzakumbulala ukuyithetha kwakhe. Emva kokuba sivule ityala uzile ezocela uxolo esithi masicime ityala uzakusihlawula. Ngokubona ukuba siyaqhubekeka netyala uyasigrogrisa,” utshilo umama.
Umfana udlwengulwe ngomhla wama-23 kwinyanga ephelileyo edlwengulelwa emotweni yomsebenzi. Ingxelo ithi le ndoda ibhalele ixhoba kuWatsapp ukuba mabadibane ufuna ukumbona yabe isithi idiniwe isuka eBhisho ngento yomsebenzi. Emva koko badibana bedibanela emotweni apho amdlwengulele khona.
Ixhoba lithi baqale ngokuncokola emva koko wabe sele umrhanelwa ekhulala ibhulukhwe yakhe ezinyhala kwixhoba ngenkani.
Umama wexhoba uthi unyana wachaza emva kwentsuku kuba engasakwazi unyamezela iingqaqambo. Uthi umrhanelwa wayemane efownela ixhoba elikhumbuza ukuba lakhe lathetha ngokwenzekileyo uyakulibulala.
Umrhanelwa uzakubuyela kwakhona kwinkundla zamatyala nge15 kwinyanga ezayo uSeptemba.Ebevelile emva kwesisehlo apho waye ezakhutshwa kwangolosuku akavalelwa. Ngethuba I’solezwe lithetha nomama wexhoba akukho abecuphi kweli khaya.