Yongeze abaphulaphuli abatsha iTruFM!

Owongamele isikhululo sikanomathotholo se-SABC iTruFM eBhisho, uThobeka Buswana, akawuvali umlomo emva kokwenyuka kwamanani wabaphulaphuli abaphulaphula iinkqubo zesi sikhululo.

Ngokwamanani akhutshwe liBhunga loPhando ngezoSasazo, iBroadcast Research Council of South Africa, iTruFM ikhule ukusuka kwi-118 000 yayokutsho kwi-209 000 yabaphulaphuli.

Ngokokutsho kukamas’ tishi, oku kwenziwa zizinto ezininzi, eziquka ukuqulunqwa kweenkqubo ezingqamene neemfuno zabantu.

“Ngenxa yezo nkqubo bahlala bephulaphule, okwesibini kukwazisa isikhululo kwezinye iindawo, ingakumbi ezo sisandul’ ukufika kuzo ngenxa yokufakelwa kwee-transimitha, abantu bayasamkela batsho baphulaphule.”

“Ngenxa yala manani, xa sithengisa isikhululo kwezentengiso, ithetha ukuba sinamanani okuthengisela,” kongeza uBuswana.

Kutsha nje, i-TruFM, neyayikade iyi-CKI fm, ifikelele kwiidolophu ebikade ingasasazi kuzo ezifana no-Qumbu, Tsolo, Ugie, Mt Fletcher neMaclear ezifumaneka ku-102.9 kunomathotholo, ngelixa inwenwele nakwaBhaca, Ngqeleni, Mbizana, Mt Ayliff, Ntabankulu, Libode, Port St Johns neFlagstaff ezifumaneka ku-107.8, kuquka idolophu yaseBhayi, iMnyameni, iRhini neCawa eku94.5.

UBuswana ukwaxelele I’solezwe ukuba injongo yabo kukufikelela ku-500 000] yabaphulaphuli ngonyaka ka2020: “sisebenza nzima ukuze sifikelele apho.”

Kwakolu phando leBhunga loSasazo, kuvele ukuba uKhozi FM lusahleli kwindawo yokuqala ngento engaphaya kwesixhenxe sezigidi zabaphulaphuli, silandelwe sesolwimi lwesiXhosa uMhlobo Wenene FM ngezigidi ezithe kratya kwisihlanu, ze kwindawo yesithathu ibe yiMetro FM ephutha-phutha izigidi ezine.