Basaqhwalela abavelisi bemiboniso bhanya-bhanya beMpuma Koloni

Ngaphakathi kwiEastern Cape Film Festival ngoLwesihlanu IMIFANEKISO: Isolezwe

Abavelisi bemiboniso bhanya-bhanya bephondo leMpuma Koloni basabonakala besilela emva ngenkxaso nangona nje benesakhono esingummangaliso.

Oku kwenziwa kukunqaba kwenkxaso ngakwicala likarhulumente waseMpuma Koloni.

Le ngxelo ivele ngethuba abavelisi bedibene eMiriam Makeba eMonti kumnyhadala wemiboniso bhanya-bhanya waseMpuma Koloni (Eastern Cape Film Festival).

Abavelisi ebebezimase lo mnyhadala bebephuma kuMzantsi Afrika uphela.

Aba bavelisi bakhankanye iqumrhu lezophuhliso laseMpuma Koloni (ECDC) nesebe lezobugcisa nenkcubeko eMpuma Koloni, besithi ziindawo ebekufanele ukuba bafumana kuzo inkxaso kodwa oko akwenzeki.

Umsunguli okwangumlawuli walo mnyhadala uMonde Mqolomba, uthi indibano efana nale bebeyibambe eMiriam Makeba ibibalulekile, kuba ithe yenza ukuba bazane futhi babelane ngeengxaki abadibana nazo.

“Injongo yokusungula indibano elolu hlobo kukuba sincedisane sazane siphuhlisane sizokwazi nokuba siphuhlise abanye abantu basekhaya. Ininzi italente kweli phondo koko siswele izixhobo,” utshilo uMqolomba.

Abavelisi baseMthatha bathi kufuneka bade baye kumanye amaphondo ukuze baphuhle, batsho besithi abanazo neendawo (cinema) zokubukela imiboniso bhanya-bhanya kwindawo yabo.

Usekela-mlawuli kurhulumente waseMpuma Koloni uMahlubandile Qwase, uthembise ngelithi izikhalo zabavelisi uzakuzithumela kwabafanelekileyo ukuva kuba yena uthunyiwe akanako ukuthembisa.

UQwase ukhuthaze aba bavelisi ngelithi mabaqhubeke bebonakalisa izakhono zabo, watsho esithi oko kuzakunceda ukukhulisa ezokhenketho kweli phondo.

Amaphondo ahamba phambili ngokudidiyela imiboniso bhanya-bhanya yiRhawuti, iNtshona Koloni, iLimpopo kwakunye neKwaZulu Natal.

abongile.ginya@inl.co.za