Amanyala namanyundululu kwiCruel Summer eMonti

Imifanekiso ejikeleza kumakhasi wonxibelelwano

AMAQONGA ezonxibelelwano uFacebook noTwitter asawenza undaba-mlonyeni nanamhla oku umsitho weCruel Summer obubanjelwe kwibala lezemidlalo iBuffalo City ngoMgqibelo kulandela imiboniso bhanya-bhanya yolutsha luzibandakanya kwinto echazwa njengamanyala namanyundululu aqhubela kwezesondo.

Komnye wale miboniso bhanya-bhanya, intombazana enxibe impahla yangentla (top) emhlophe ibonakala izibhija-bhija phezu kwendoda esitulweni seli bala. Kokuzibhija-bhija, ngokweempawu zokwabelana ngesondo, le ntombazana ikwenza oku ecaleni kwabantu.

Ayicaci ncakasana eyona bayenzayo, ngaphandle nje kokutshela kwale ntombazana kule ndoda, bethene ntshi ngezandla.

Komnye umboniso bhanya-bhanya, indoda eselula ngeminyaka ibonakala igobha ngesandla intombazana apha kumhlaba ongezantsi. Iziphu yebhulukhwe yale ntombazana ivulwe yonke, futhi le ntombazana iyithe nca le ndedeba, iyincamisa.

Yonke le miboniso bhanya-bhanya ithathwe ebusuku, futhi kuyabonakala ukuba abo babandakanyekayo abazinto ngokuthatha kwayo.