Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Ndiphupha umama wam osekhoyo endinika igolide ingathi uyandinxibisa yona sandleni. ndiphinde ingathi ndimlanjeni ndibona ubusobomntu oqabe into ehlophe ebusweni bakhe buvele emanzini. camagu tata.
 
IMPENDULO: Camagu. Yingulo kaloku leyo kuyacaca ukuthi uphuma kwikhaya labantu abanomshologu. Lento inyangwa ngokuyivuma uyamnkele kanjalo
 
IPHUPHA: Camagu,andinaye uwhatsapp ndiphupha umama wam qho akasekho ndimphupha siphithizela sibaninzi ngathi kunofihlo kwaye ibayifamily yakhe kakhulu kule nto yenzekaypo yena ngumamcube mna ndingumamgcina,ndaphinda ndaphupha ndigajiswa ngumthandazeli kuphuma amanzi acocekileyo qa madeki okwexakaxa aphinde andinike iyeza likwibhadi athi mandivase ngaphantsi ndivase nam ndothuka
 
IMPENDULO: Khumbula isintu sithi esalele nje usathetha, kwaye abantu abanasekhoyo bazizinyanya kuthi ezijongene nemeko yethu yiyo lento kufuneka singabalahleli kude. Okwesibini yenze njengoko iphupha lichaza funa Kanye umntu onjengalowo uchaziweyo ephupheni ukuze akukhutyule lomabala abangela ukuba iizinto zakho zingahambeli phambili. Chosi
 
IPHUPHA: Camagu ndiphupha sigena elwadle noyana ka tata ocici sibambene aphaphakathi kweutu emazini dibone inqirha
 
IMPENDULO: Yintlambululo leyo ngokwesintu, izakufuna ke ukwenziwa ligqirha elinamava kwimicimbi yamanzi.
 
IPHUPHA: Molo ndicela ubuza xa  ndiphupha ngathi ndinxibe iuniform yobupolisa sifolile sibaninzi siphethe nemela lithetha uthini ?
 
IMPENDULO: Sisiphithiphithi eso sengozi echwechwayo nesondela ngakwicala lakho nezakuba neziphumo ezibi. Yilwe ke ngokukhawuleza.
 
IPHUPHA: Makhosi phezolo ndiphupha ndisilwa kubafan’ ababini ndabarhorhisa ngompu endingazi noba ndidibene nawo phi bendiphaka inkunzi, uphuncuka kwam kubo ibe ngabathathu ndothuka xa onye wabo efuna siye kwindlu yangases’ efuna undidlengula, ndicela ubuyele kum noba yisms ndinovalo yile nto chosi.
 
IMPENDULO: Ewe kumele uze ube novalo kwaye ukhwanqiswe yile meko kuba ayimnandanga konke konke kuba ibonisa iintshaba ezikongameleyo. Zama ke indlela yokulwisana nalo moya.
 
IPHUPHA: Camagu ndiphupha ndinikwa imali ngumyeni enye itshile ezkoneni lithetha
 
IMPENDULO: Yingxaki enkulu leyo kwaye ingakhokelela ekupatyalakeni kwezinto phakathi kwakho nomyeni. Hlalani phantsi nibonisane ngendlela zokufuna amancedo kusengethuba. Camagu

IPHUPHA: Mandibulise, Ndicela ukubuza xa uphupha inja imane ituwa who kweliphupha xa uvuka ubone ituwa yenja kube kusenzekani.
 
IMPENDULO: Khumbula kaloku mntomdala ukuba inja ephupheni sisihlwele kubuye futhi inja le ikhuphe ilindle apha ephupheni. Oko kubonisa ukuba kukho nto ingahambi kakuhle ekhayeni ngomcimbi wamasiko nezithethe zekhaya. Ukuze ufumane inqontsonqa ke funeka ube kanti uya emntwini obonayo ozakwazi ukuthyilela.
 
IPHUPHA: Molo bhuti bendicela buza lithetha uthini iphupha loba uphuphe kowenu kukho umntana omncinci bt akangowakho wena ube uvuzelwa ngamabele apha ephupheni. Today ndiphuphe ndibaleka noSister wam kwindawo enamanzi nd lamanzi akufuneka uwaselile or wanyathele.
 
IMPENDULO: Uyagula wena kwaye ingulo yakho yayamene nesintu oku kubhekisele kwiphupha lakho lesibini. Elokuqala lihamba nemimoya emibi ekwambetheyo ezi zinto ke zombini zifuna wena ukuba uzilungise ngokwesintu.
 
IPHUPHA: Molo Tata.ndinqwena undazise ngeliphupha,ingaba xa uphupha ukhokela iigusha edlelweni zigoduka inoba ithetha ukuthini lo nto?
 
IMPENDULO: Zininzi izinto zekhaya ezifuna ukulungiswa inguwe, goduka ke kuyonakala ekhaya.
 
IPHUPHA: Camagu Tata, ndicela ukubuza ndiphupha kunomtu oboshwayo ngumntu kufutshane nam.
 
IMPENDULO: Iphupha eli limalunga nento ezayo kuwe engentlanga. Zama ukufuna uncedo ngokukhawuleza.
 
IPHUPHA: Ndiphupha ndinemali eninzi engamaphepha kwakubusuku bunye ndiphuphe ndisema ndlakeni sisomba caba ndithathe zisoyi ndizise kwi ndlaka lika tata wam zange ndambona ke mna wasweleka semcici ngaba lithetha kuthi camagu. Mna ke ndiyaku thanda nogembula lotto pawer ball nezinye ke.
 
IMPENDULO: Intlahla zakho zibanjwe kukunganaki imisebenzi yakowenu ingakumbi ngokungqamene noyihlo. Lungisa imisebenzi kayihlo ukuze ube nokubuyekezwa.