IDowns ihleli phezulu emva kokucambalalisa iBaroka

Percy Tau of Mamelodi Sundowns celebrates a goal with teammates during the Absa Premiership 2017/18 football match between Mamelodi Sundowns and Baroka FC at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 05 December 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

IBaroka FC
ibokoboko macala emva kokuba ivuthululwe yiMamelodi Sundowns ngo’4-0 kumdlalo we-Absa
Premier Soccer League obuvutha bhe eLucas Moripe Stadium namhlanje ebusuku. Umqeqeshi
weDowns, uPitso Mosimane, uthe ufuna iqela lakhe ufuna liphumelele ngamagowuli
amaninzi namhlanje – abadlali bakhe benze kanye le nto ebeyifuna. Le mpumelelo
yaMasandawana iwathathe yawabeka phezulu kwiPSL. Emva kwemidlalo elishumi ngoku
iDowns inamanqaku alishumi elinethoba phantsi kwegama layo, ishiya iBaroka
ehleli ixesha elide phezulu ngegowuli. Umdlalo okwinqanaba eliphezulu oveliswe
liqela likaPitso kuthetha ukuthi ubunganga balo bubuyele kulo. Kulindekele le
mpumelelo ibuyise ukuzithemba kubadlali beSundowns egqwidizileyo ekuqaleni
kwale sizini ngenxa yokudinwa kwabadlali yimidlalo yeChampions League.

Motjeka
Madisha ungcangcazelise umnatha ngepenela emva kokuwiswa kukaSibusiso Vilakazi kumzuzu
wesithathu kwisiqingatha sokuqala. Emva koko uThemba Zwane ufake igowuli
lesibini emva kokufumana ibhola entle egotywe kwicala lasekhohlo. Abadlali
beBaroka FC khange banikezele ngoba baqhubele phambili nokudlala umdlalo wabo
wesiqhelo – kodwa ingxaki abathe bayifumana namhlanje kukuba iSundowns
ayibanikanga ithuba lokuhlanganisa iibhola. Lo nto ibangele bangakwazi ukungena
kumhlaba weDowns. UPercy Tau uvalelise ngamagowuli amabini – wavalwa umkhusane.
Ngoku iSundowns ihleli phezulu kwiPSL emva kokucambalalisa iBaroka engadlala kakuhle namhlanje. Iya kumdlalo wayo olandelayo
inamandla emva kokufumana inkuthazo kumdlalo wanamhlanje.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Langerman, Soumahoro (Arendse
35′), Morena, Madisha, Billiat, Kekana, Mabunda, Vilakazi, Zwane, Tau.

Amalalela:
Brimah, Zwane, Arendse, Ngcongca, Manyisa, Lebese, Zakri.

Baroka FC: Vries,
Shaku, Masenamela, Chawapihwa, Banda, Mosele, Kgoetyane, Macha, Madubanya,
Mdantsane, Ngalande.

Amalalela:
Masuluke, Motupa, Matloga, Kgaswane, Rethabile, Ntshangase, Mahashe.