USir Jiks ufuna ukuzigxama kwi-21km yeHeroes Marathon

USindile Majikija ephahlwe nguFundiswa Mhlekude weSABC nogxa wakhe eQunu namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Ekuseni namhlanje
izihlwele zabantu zithathe inxaxheba kwiHeroes Marathon.
Omnye wabo bathe bayinxalenye yeHeroes kulo nyaka ligqala lomsasazi wesikhululo
sasekuhlaleni, i-Unitra Community Radio, ogama linguSindile “Sir Jiks” Majikija
– owaziwa kakhulu ngokubhexesha inkqubo ethandwayo yomculo kaMasikhanda. USir Jiks
uzigxame kumdyarho weekhilomitha ezilishumi (10km). Emva kokufika kwakhe
entanjeni uxelele eli phephandaba labantu, I’solezwe lesiXhosa, ukuba
ebekonwabele kakhulu ukubaleka kwiHeroes Marathon
nangona ebeqala ukuthath’inxaxheba kuyo.

Amakhulu-khulu
eembaleki eziphuma kwiphondo leMpuma Koloni, kwamanye amaphondo elizwe
loMzantsi Afrika nezinye eziphuma kwizwekazi le-Afrika jikelele akhuphisene
kwisiqendu seshumi elinesibhozo seHeroes Marathon eququzelelwa yi-Athletics Transkei
ngokubambisana nesebe leZemidlalo, Inkcubeko noLonwabo.

“Ndiyaqala
namhlanje ukuthatha inxaxheba ngokubaleka apha kwiHeroes Marathon.
Ndidla ngothatha inxaxheba kwezinye ezithi ziqhubeke kwiindawo ezingqonge
uMthatha. Ndiyaqala ukungena kule kwaye ndiyonwabe kakhulu. Ndiyenzile
ndayigqiba i-10km, kulo nyaka uzayo ndifuna i21km ngoba ndiyayonwabela,”
utshilo uSir Jiks.

Lo msasazi
uthe amalungiselelo weHeroes khange abe nzima (kuye) ngoba ungumntu
ozilolongayo yonke imihla ekuseni umthetho wakhe watsho esithi nabanye abantu
mabazibandakanye nezinto ezinje ngoba ziyancedisana kakhulu nempilo.