IBidvest Wits ziintshatsheli zeTelkom Knockout

Thabang Monare of Bidvest Wits challenged by Roggert Nyundu of Bloemfontein Celtic during the 2017 Telkom Knockout Final game between Bidvest Wits and Bloemfontein Celtic at Princess Magogo Stadium in KwaMashu Durban South Africa on 02 December 2017 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Iintshatsheli
ezintsha zeTelkom Knockout zika-2017 yiBidvest Wits. Iqela likaGavin Hunt
libethe iBloemfontein Celtic ngo’1-0 kumdlalo obeshushu kwisiqingatha sesibini
ePrincess Magogo Stadium. Ngokuphumelela le ndebe, iWits iqokelele iindebe
ezintathu zonke kwisithuba esingaphantsi kweminyaka emibini. Amakhwenkwe kaHunt
eze kulo mdlalo ephantsi koxinizelelo kuba engaqhubi kakuhle kwimidlalo yePSL
kule sizini. Iqhawe leBidvest Wits lanamhlanje nguVincent Pule – ongene kwisiqingatha
sesibini ufike wanika iqela impumelelo ngegowuli alifake kumzuzu wamashumi
alithoba omdlalo.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla kungekho qela elibhalisileyo ebhodini. Lo nto yenziwe
yindlela la maqela abedlala ngayo. Omabini ebelumkele ukufakwa kwamagowuli kuwo
– lo nto iye yawanyanzela ukuba ahlale emva. Ithuba elicacileyo leWits lokufaka
igowuli lithe gqi kwimizuzu yokugqibela kwisigaba sokuqala. Akukho nto ingcono
eyenzileyo kwelayo icala iBloem Celtic ngoba ayikwazanga ukuyisebenzisa imingqandandana
yamathuba ethe yawafumana emdlalweni.

Zitshintshile
izinto kwisigaba sesibini. ICeltic iye yathanda ukuba namandla kakhulu. Iye
phambili – kodwa ngelishwa layo ayikwazanga ukungcangcazelisa umnatha. UDarren Keet
ngoyena nozinti obexakekile kulo mdlalo wanamhlanje ngaphezulu kukaPatric
Tignyemb. Ifolosi yeWits esuka kwelaseYiphutha, uGamal Amr, uzibonakalisile
kwakhona ukuba ungumdlali ophezulu ngokuthi adale amathuba akhokelele
kwimpumelelo yanamhlanje. Ukufikelela kwiCeltic kwesi sigaba seTelkom Knockout
yinto enkulu phantsi kukaVeselin Jelusic ofike kuyo emva kokulwela ukusinda
ezembeni kwisizini edlulileyo.

Bidvest Wits: Keet, Allie, Hlatshwayo, Klate, Monare,
Hlanti, Claasen, Mkhwanazi, Mhango, Mlambo, Gamal.

Amalalela: Peters,
Khumalo, Rodgers, Pule, Keene, Motshwari, Ntshangase.

Bloemfontein Celtic: Tignyemb,
Pfumbidzai, Rikhotso, Ndengane, Mabena, Letsoalo, Letlabika, Baloyi, Hotto,
Nyundu, Phalane.

Amalalela: Chaine,
Motshegwa, Jembula, Mashikinya, Lubisi, Mabasa, Mahlasela.