‘Ndikhululeni ndoyika ama-26 ejele’

 

 

“ANDONWABANGA entolongweni ngenxa yabantu endabambisayo ngethuba ndilingqina kumatyala abo. La mabanjwa angama-26 kwaye ayandithuka endibiza ngamagama esithi azakundifumana.”

 

Oku kuthethwe nguSithembele April (40), indoda yaseMdantsane, esandula ukubanjwa ngamapolisa kulandela izityholo zokuba igrogrisa amagosa aphezulu kurhulumente isithi ingawasindisa ekubulaweni liqela labantu ababesaya kuba ngamabanjwa.

 

Lo ka-April ebevele kwinkundla yaseMonti emva kokubanjwa libutho lamapolisa iiHawks kulandela ukurhintyeleka kwibholo lokufowunela amagosa aphezulu eburhulumenteni, kuquka nabaphathiswa, eboyikisa ngelithi bazakubulawa, ngoko ke uzama ukubalumkisa.

 

Le ndoda ixelele inkundla ngoLwesihlanu ukuba icela ukukhululwa ngebheyile, isithi yoyika amabanjwa ethi yawabambisa ngenxa yokuba ilingqina kumatyala engawachazanga ukuba yayingawantoni.

 

Ngenxa yezi zigrogriso, u-April ude wanikwa isisele sakhe yedwa ngethuba elinde ukuxoxwa kwetyala lakhe.

 

“Ukufika kwam eziseleni baye bandithuka besithi ndim owabambisayo. Bayandoyikisa, bathi bazakundifumana,” u-April utshilo, exelela inkundla.

 

Lo ka-April ukwaxelele inkundla ukuba kwakuba semdleni wobulungisa ukuba anikwe ibheyile, esithi abantwana bakhe ababini (omnye oneminyaka esixhenxe, omnye oneminyaka elishumi elinanye) abanabani ozakubondla.

 

Ebuzwa ukuba uphila ngantoni ebomini, u-April uthe: “Ndiphila ngokuthengisela umntu iipilisi zeMandrax, ngamanye amaxesha ndiya kwa-NU 1 ndiyokudlala idayisi.”

 

Igqwetha likarhulumente elimele u-April, uVuyiseka Kani, uthe akanamdla wokwazi ngento yeMandrax watsho ebuza u-April ukuba wenza malini na kwidayisi. “Ndenza iwaka leerandi (R1 000) ngosuku kwidayisi,” kuphendule u-April.

 

Ezona zinto zibangele ukubanjwa kuka-April kukoyikisa amagosa karhulumente, ewagrogrisa esithi kukho abantu abafuna ukuwabulala. Abantu asele ebafowunele baquka abaphathiswa uFikile Mbalula noLindiwe Sisulu kwakunye nendimbane yamagosa aphezulu kwarhulumente.

 

Asicaci esona sizekabani ebesibangela ukuba enze oku, kodwa abaphandi beeHawks bathi le nto uyenze into engangonyaka.

 

Enika ubungqina, umphandi wetyala uKapteni Luphumlo Lwana weeHawks, uthi ingayinkathazo into yokukhululwa kuka-April ngebheyile kuba angalibaleka ityala. “Apha sithetha ngomntu onezazisi (ID) ezintlanu nemihla yokuzalwa eyahlukeneyo kuquka needilesi ezingafaniyo,” utshilo uLwana.

 Ityala lika-April lihlehliselwe umhla wesibhozo kule nyanga, logama yena esashiyeke eluvalelweni lwamapolisa.