Lufumene iziqinisekiso ulutsha emva koqeqesho

UNks. Nancy Sihlwayi woPhuhliso lweNtlalo eMpuma Koloni Umfanekiso: Michael Pinyana
ISEBE leNtlalontle eMpuma Koloni libambisene neyunivesithi yaseRhodes linikise ngeziqinisekiso kulutsha olukwikhulu namashumi amathandathu anesibhozo kwizakhono ezahlukeneyo.

Othethe egameni leSebe leNtlalontle eMpuma Koloni,  uMzukisi Solani, uthi isebe lakhe lichithe imali ngelizama ukuxhobisa olu lutsha ngezakhono. 

“Isebe lentlalontle lichithe imali ekwizigidi ezithandathu (R6 Million) ngeenjongo zokuxhobisa ngolwazi nezakhono ulutsha oluphuma kwindawo ezisemaphandleni eMpuma Koloni,” ucacise watsho uSolani. 

Le ngxelo ithi lulutsha oluminyaka iphakathi kweshumi elinesibhozo ukuya kumashumi amathathu anesihlanu oluthe laxhamla kwinkqubo yokufumana izakhono zophuhliso lwentlalo.

Ethetha kumsitho wokugqithiswa kwezi ziqinisekiso,  umphathiswa wesebe lentlalontle eMpuma Koloni, uNancy Sihlwayi uthe:

“Kwilizwe nakwiphondo apho kukho ingxaki yokunqongophala kwezakhono, intswelo – ngqesho, ukunikwa kwabo izakho ezinje ngezi, wenza ukuba balungele ukungena emisebenzini okanye badale amathuba emisebenzi,” uthethe watsho uSihlwayi.

Oku kuyinxalenye yenkqubo yeli sebe ebizwa ngokuba yiNational Youth Service ejoliswe ukuphuhlisa ulutsha. 

Umthetho olawula amaziko emfundo ephakamileyo kweli wanyanzelisa iyunivesithi ukuba zenze okuthile ukuqinisekisa ukuxhotyiswa kolutsha ngezakhono. 

 “Ngokusebenzisa umthetho iNational Youth Policy yonyaka ka2020, iNational Youth Service ijonge ukuqinisekisa intatho-nxaxheba yolutsha kwezezimali, ukwenziwa kweenguqu kwintlalo, ukulwa ukusetyenziswa kweziyobisi nezinye iingxaki zasekuhlaleni,” ucacise watsho uSolani.

Le nkqubo ibigxile ngokukodwa kulutsha olungaphangeliyo oluphuma ezilalini kwiindawo zeMpuma Koloni.