Inkcazelo yamaphupha

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela ukucaciselwa eli phupha, ndiphuphe ndikwenye ilali ndihamba nomntu endingamaziyo. Le lali ndandifunda kuyo ezantsi kwesikolo kwakukho umthombo ngezantsi komthombo yindlela yemoto, ezantsi kwendlela ngumlambo awumkhulwanga kakhulu kodwa uneziziba ezoyikekayo.

Ingathi ndiyokha amanzi kulo mthombo, xa ndifika ingathi amanzi awekho usanyentiwe, ndijike nalo mntu ndihamba naye, ingathi ndithi kuye ndifumene inxuwa pha ngasemlanjeni ndizokwakha indlu yam phaya.

Kule ndawo ikufutshane nendawo ekwakha kwatshona umntu khona. Camagu tata, ungakhe undikhanyisele lithetha ukuthini?

IMPENDULO: Iphupha lakho likhulu kakhulu kwaye lifuna ingqwalasela emandla. Kwiimeko zangoku umntu xa esakhela emlanjeni kuxa kusenziwa umsebenzi wesintu ekuthiwa yimfukamo ukuphilisa umntu lowo, kodwa ke lento ayivele yenziwe nje kufuneka kube neempawu eziliqela ezikhomba oko. Iphupha lakho ke libonisa ukuba wena unegazi elimhlophe, kungelishwa ke ukuba ndingazokwazi ukungena nzulu kuba loo ndima ifuna imvumisa kunye nabantu bakowenu.

IPHUPHA: Molweni. Kukho iphupha apha kum, apha ndiphupha ndihlangana nomntu ndandifunda naye ehamba ngemoto, phofu nam ndiyahamba ngeyam imoto, phofu andinayo, apha ekuhambeni ephupheni sizibone sidamfuza kwilindle, andazi sohlukene njani nemoto besiziqhuba. Bendicela ukulamlelwa eli phupha.

IMPENDULO: Elo phupha libonisa impalalo okanye intlupheko nokubetheka ekulandelayo. Ukuzama ke ukufumana isizekabani soku kukuba wena wenze uphendlo kwindlela owenza ngayo izinto ingakumbi imeko yokutyeshela amasiko nezithethe zakowenu.

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela ukucaciselwa ngala maphupha alandelayo, ndiphupha ndilala nomntu oyindoda phofu lo mntu uyindoda ngumntu endimaziyo ebesanda ukuswelekelwa ngumfazi wakhe, ndiphinde futhi ndiphuphe umtshato, ndithi kusenjalo ndiphuphe umngcwabo katatomkhulu wam eziswa, eze efakwa kula nto ifaka umntu oswelekileyo, ibengona aza kufakwa ebhokisini yakhe phofu simbona nehlobo asikwe ngalo, ndothuke ndilila.

IMPENDULO: Amaphupha akho anesiphithi-phithi semimoya emdaka nezungezana nawe. Funa uncedo msinyane.

IPHUPHA: Camagu. Tata ndiphupha ndifika kulo mama wam kusetyenziswa iyeza, ingathi kuthwa hlamba nawe, ingathi bahlamba ngalo ndothuke. Elinye ndiphupha umntwana wam ekhala ejonge kude, ingathi ndibuzile ukuba ukhalelani, ingathi eze ebaleka andigone, undishiye ngo2015 ena 9 ebeyinkwenkwe.

IMPENDULO: Camagu. Elokuqala lingesilawu sakowenu ukusisebenzisa ukuze kuvuleke kwindlela zakho. Okwesibini. Kuyacaca ukuba imeko yokuphulukana nonyana lowo isakuzinga nanamhla kwaye naye apho akhoyo uyabona ukuba amehlo akho awukawasusi kuye, zama ke ukumkhulula uxole ukuze naye aphumle ngoxolo.

IPHUPHA: Ndicela ukubuza xa uphuphe unikwa intsimbi ebomvu ze athi lo mntu ukunika yona, uze uthwale ilaphu elimhlophe ke entloko. Ingaba lizama ukuthini eliphupha lam?

IMPENDULO: Leyo yindibaniselwano yesiphiwo osinikwa ngabantu bakowenu, siphiwo eso isesokwazi ukubona ngokwemehlo looSiyazi okanye okhohlel’ esingeni.

IPHUPHA: Camagu tata, ndicela ukubuza, oko kulo nyaka ndiphupha ndisoloko ndibethwa ngumntwana kamakazi wam osweleke kulo nyaka, qho emaphupheni am ukhona, umama wam akathethi, naye umama wam wasweleka ngo2013.

IMPENDULO: Zama ukuhlanganisa abantu bekhaya nikhe niyowusabela lo mba kuba iphupha eli liqulathe umyalezo ekungafunekanga upapashwe esidlangalaleni.

IPHUPHA: Camagu tata, ndinephupha elindihluphayo ngoba liyaphinda-phinda, ndiphupha inyoka enkulu indileqa, imnyama inendawo ezityheli.

IMPENDULO: Asinto intle ukuleqwa yinyoka ephupheni ingakumbi enale mibala uyichazileyo. Ngamanye amaxesha siphuma kwizihlwele ezizibonakalisa ngezilo eziliqela, kungenzeka ukuba kumnombo wakho kukho abo boyanyaniswa nale nunu. Ukanti xa bengekho ingxaki ikho, zama ke ukufuna uncedo olukhawulezileyo.

IPHUPHA: Ngicela ukubuza uma uphupha umuntu ophilayo eshonile.

IMPENDULO: Lowo kunesikhalo anaso, kukhona izinto zakhe ngokwesintu azifunayo kuni.

Umphilisi uyafumaneka nakuFacebook, khangela uMphilisi The Healer pha okanye usithumelele iphupha lakho kuWhatsapp wethu: 063 743 9538