‘Ikhwelo lityala mawethu’- IEC

IKOMISHINI yeZolonyulo eZimeleyo (Independent Electoral Commission [IEC]) eMpuma Koloni ihlabe ikhwelo kuluntu isithi maluqiniseke ukuba iinkcukacha zendawo umntu ahlala kuyo zikhona kuluhlu lovoto lale komishini.

Oku kungenxa yesigwebo senkundla yomgaqo-siseko nyakenye apho le nkundla, ngokulandela isikhalazo ngonyulo lovalo-zikhewu eTlokwe eMntla-Ntshona ngo2013, yadiza ukuba iinkcukacha zedilesi zabavoti maziphelele kuluhlu lovoto lwe-IEC phambi kwenyanga yeSilimela kunyaka ozayo.

Obambele njengosomaqhuzu wakwa-IEC eMpuma Koloni uKayakazi Magudumana, uthi noxa nje umyinge wamashumi amathandathu ananye (61%) ekhulwini uneedilesi ezichanekileyo kuluhlu lwe-IEC eMpuma Koloni, bacela abantu ukuba batyelele umnatha wakwa-IEC (www.elections.org.za) ukuze bazalise iinkcukacha zabo, kungenjalo baye kwizikhululo zovoto ngomhla weshumi noweshumi elinanye kweyoKwindla (March), ixesha elibekwe ngabakwa-IEC ukuqinisekisa ukuba wonke umvoti uneenkcukacha zakhe kuluhlu lovoto lwale komishini.

Ngokutyelela lo mnatha, uzakucelwa ukuba uzenzele ubuni (profile) bakho ze ubugcine ngePassword, emva koko ungangena utshintshe idilesi yakho okanye wongeze kuyo.

Ethetha kwihotele i-ICC eMonti kwiveki ephelileyo, ngethuba i-IEC ephondweni ibisungula eli phulo leedilesi, uMagudumana ucele abavoti beli phondo ukuba baqiniseke ngokusabela kweli phulo ukuqinisekisa ukuba bathabatha inxaxheba, ngaphandle kwamagingxi-gingxi kunyulo lonyaka ka2019.

UMagudumana ukwathe nabo bazakube bevota okokuqala ngonyaka ka2019, bavumelekile ukuya kwizikhululo zovoto ngomhla weshumi noweshumi elinanye kweyoKwindla ukuze babhalise.

Ethetha kwakule ndibano yase-ICC, uMfundisi Bongani Finca obesakuba ngusomaqhuzu we-IEC eMpuma Koloni – nosele enguMkomishinala we-IEC kuzwelonke – uqhwabele izandla i-IEC eMpuma Koloni esithi yeyokuqala kwilizwe liphela ukusungula eli phulo.

“Eli phulo lizakuqinisekisa ukuba wonke umvoti othabatha inxaxheba kuvoto usemthethweni.”

UFinca ukwamemelele kumaqela ezopolitiko ukuba aqinisekise ngokuthabatha inxaxheba kweli phulo, ekhuthaza abavoti ukuba babhalise iidilesi zabo.

Amaqela ezopolitiko athe azimasa le ndibano yiANC, Cope neACDP kuphela.

Ngokweli phulo, idilesi epheleleyo yileyo inesitalato, inombolo yesitalato nendawo umntu ahlala kuyo.

Kule ndibano kukwavele imiceli-mngeni yaseMpuma Koloni apho abantu abaninzi bengenazo iidilesi kuba behlala ezilalini, kodwa ke oku akuthethi ukuba umntu akazukuvota.

Abakwa-IEC bathe bazakuqinisekisa ukuba wonke umntu ovotayo eMpuma Koloni uyalifumana eli thuba.

Lowo usezilalini kuza kuqinisekiswa ukuba iinkcukacha zelali nendawo ephantsi kwayo ilali zifakwa kuluhlu lovoto.