Nam ndithi tshotsho ingezi irabhi!

Emva kwemini ngoLwesithathu, umhla weshumi elinesihlanu kule nyanga imiyo yeNkanga, kwesa sithuba sentsimbi yesithathu, isaziso ebesijongwe ngamehlo abomvu ngabaninzi kwihlabathi jikelele, side savakala kuwo onke amajelo osasazo.

Isaziso sifike sisithi, ilizwe laseFransi, lilo eliza kusingatha indebe yehlabathi yombhoxo ngomnyaka ka-2023.

Ngokweziphumo zevoti, kufumaniseke ukuba iFransi iphumelele emva kokufumana iivoti ezingama-24, ukogqitha ezo zifunyenwe nguMzantsi Afrika zili-15 kuphela. Oku ke kuthetha ukuba uMzantsi Afrika ubethwe ngeevoti ezilithoba zonke.

Okunye okubuhlungu, kukufumanisa ukuba namanye amalungu abe nelungelo lokuvota, malungu lawo asuka kumanye amazwe apha kwizwekazi le-Afrika, awoyikanga ukuthetha phandle ukuba wona awawuvotelanga uMzantsi Afrika ngoku esuka kwizwekazi elinye kunye nawo.

Loo malungu atsho eyibeka elubala into yokuba amathandabuzo awo ekuxhaseni ilizwe amelene nalo, kusekubeni uMzantsi Afrika awubonakalisi nguqu nobandakanyo lweentlanga zonke ngokwaneleyo embhoxweni.

Isizathu sesibini ibe sesokuba, nangona uMzansti Afrika unesakhono esincomekayo kumdlalo wombhoxo, kuncinci kakhulu okanye akukho kwaphela okwenziwa yibhodi yombhoxo yoMzantsi Afrika ekuncediseni ekuphakamiseni izinga lombhoxo kwizwekazi le-Afrika ngokubanzi.

Zibuze le mibuzo ukungqina olu luvo lwala malungu ombhoxo aphuma kumanye amazwe e-Afrika: Bangaphi kubaqeqeshi nakubadlali beSpringboks, kwabeCurrie Cup nakwiSuper Rugby abakhe baye kumazwe asakhasayo kumdlalo wombhoxo ngeenzame zokuncedisa ekuphuculeni izinga lomdlalo wombhoxo kuloo mazwe akwalapha eAfrika?

Phofu, ndingayanga kude, bangaphi kwaba bantu bombhoxo ndibakhankanyayo abakhe bazinike ithuba lokuya kuphuhlisa umbhoxo ezilalini nasezilokishini kwalapha eMzantsi Afrika?

Ngenxa yezi zizathu, nam ndizibandakanya nabo bathi, “Tshotsho uMzantsi Afrika ungalinikwa ilungelo lokusingatha indebe yehlabathi yombhoxo ka-2023!”

Eyona nto ivisa ubuhlungu xa kusenziwa la maphulo okufunyanwa kwamalungelo okusingatha indebe yehlabathi, kukufumanisa ukuba abantu ngokubanzi akuqhagamshelwana nabo, kucelwe igalelo labo kwanezimvo zabo.

Ngokufanayo nendebe yehlabathi yebhola ekhatywayo ka-2010, nakweli ityeli abantu basuke beva sekusithiwa silelinye lamazwe azigqatsela ukusingatha indebe yehlabathi yombhoxo.

Okwesibini, yaziwa nanguthathatha into yokuba emva kwendebe yehlabathi yombhoxo ka-1995, nasemva kwendebe yehlabathi yebhola ekhatywayo ka-2010, kuquka nendebe yehlabathi yeqakamba ka-2003 eyayisingathwe nguMzantsi Afrika, iZimbabwe neKenya, zimbalwa kakhulu, ukuba phofu zikho iindawo zabantu abangathathi ntweni ezaxhamlayo emva kwezo ndebe zehlabathi.

Into osuka uyibone, kukuba iindawo ezihlala zinobutyebi, ziye zityebe ngakumbi, ukuze ezo zihlelelekileyo (ingakumbi ezabantu abantsundu), zime ndawonye okanye zingabi nampucuko kwaphela ngokwezoqoqosho emva kwale midlalo.

Mihla le, abafundi boMzansti Afrika bakhala ngokungabi nankxaso yaneleyo ukuze nomntwana womntu ongathathi ntweni akwazi ukufunda, kodwa kuchithwa iimali ezinkulu kumalungiselelo okusingatha imidlalo.

Bambi bakhala ngelithi ukusingatha le midlalo bekunokuveza namathuba engqesho. Ngubani obeza kuqeshwa, eqeshwa ngubani phofu?

Ngamashishini oobani ebeza kuzuza? Iinyaniso mazithethwe mabandl`akowethu, uninzi lomz`ontsundu beliza kuzuza ngokuyibukela kumabonakude kuphela loo midlalo yendebe yehlabathi ka-2023, lube uphuhliso lwezoqoqosho lusiya kwezi ndawo zabo bazizinhanha qwaba ke!

Ilizwe loMzantsi Afrika alinazikolo zaneleyo, izibhedlele zinqongophele kwiindawo zabantu abantsundu, phofu nezikhoyo azinazo ngokwaneleyo izixhobo zonyango ezidingekayo, iindawo zethu azinazindlela zisemgangathweni, abantu bahlala emikhukhwini, bambi balambile akukho mathuba emisebenzi, kodwa nantso imali isiya kuchithwa kumalungiselelo ezemidlalo!

Tshotsho ingezi loo rabhi apha! Asithi mayingachithwa imali kuphuhliswe izinga lezemidlalo kweli lizwe, kodwa zikho ezona ngxaki zikhwinisayo ngaphezu kokusingatha indebe yezemidlalo.

Ndothuke ndaphantsa ukufa isiqaqa xa umntakaManana kwelaseBhayi evakalisa kwiBEE yoMhlobo Wenene ukuba urhulumente wethu uchithe malunga nezigidi zeerandi ezingamashumi amathathu (30 million rands) kula malungiselelo okusingathwa kwale ndebe yerabhi kuphela.

Xa kunjalo, ingaba umsebenzi wokusingathwa kwendebe yehlabathi yerabhi ke wona ubuya kulityabula imali engakanani eli lizwe?

Bekutheni na ukuze loo mali ingancedisi abantwana abafuna ukufunda, ingaphuculi iindlela ezilalini nasezilokishini, kungakhiwa amathala eencwadi ezikolweni ukuze isizwe sifunde, kungakhiwa iikliniki zempilo ezikolweni nakwiindawo esihlala kuzo, kwakhelwe abantu izindlu ezisemgangathweni okanye isetyenziselwe ke ukuya kuphucula izinga lerabhi ezikolweni ukuze kuvele ooGcobani Bobo; Thando Manana; James Small, Breyton Paulse; Francois Pienaar; Siya Kolisi nooBeast Mtawarira bangomso?

Hayi suka tshotsho ingezi loo ndebe yehlabathi yombhoxo ka-2023 apha eMzantsi Afrika!