UCardoso uthi abadlali bayamkweleta uKomphela

Steve Komphela, coach of Kaizer Chiefs instruct Daniel Cardoso of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2017/18 match between Mamelodi Sundowns and Kaizer Chiefs at Loftus Versveld Stadium in Pretoria, South Africa on 17 October 2017 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Kulindeleke
adibane neembila zithutha Amakhosi xa endwendwela iBidvest Wits kumdlalo
weTelkom Knockout ngentsimbi yesithathu emalanga namhlanje eBidvest Stadium. La
maqela mabini avuselela ubutshaba ngale njikalanga ngexesha anoxinizelelo
ngalo. IKaizer Chiefs ifuna ukuphumelela le ndebe ukuze ixolise abalandeli bayo
abalugcwabevu ngumsindo emva kwendlala yeesizini ezimbini zonke phantsi
kukaSteve Komphela osakhangela indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi. Ijoni elithembekileyo
kwiChiefs, uDaniel Cardoso, lincome inzame zomqeqeshi phambi kwalo mdlalo.

Indebe yona
iyanuka – kodwa iChiefs kufuneka igqithe kwiWits kuqala. UGavin Hunt
nguchwephesha kwicala lokoyisa amaqela amakhulu kwibhola yeli lizwe kwaye kungenzeka
nantoni na emdlalweni wanamhlanje. Nangona iWits ingaqhubi kakuhle kule sizini –
kodwa ingayisebenzisa imidlalo yeTelkom njengendawo yokukhulisa ukuzithemba
nokongeza kwiindebe ezimbini eziphunyelelwe leli qela kwisizini egqithileyo. UCardoso
uthi abadlali bayamkweleta uKomphela kwaye kufuneka baphakamise le ndebe
egameni lomqeqeshi uhambe emalahleni ixesha elide.

“Ndingatsho
ukuba uSteve womelele. Ukunyamezele ukugxekwa ngabalandeli ekhusela thina
(badlali) kwelinye icala. Kunyanzelekile simbuyekeze ngokuphumelela le ndebe.
Okoko wabangumqeqeshi akukho ndebe wayifumanayo – siyamkweleta,” utshilo
uCardoso kwiintatheli eGoli.

Amakhosi
ayasokoliswa kakhulu yiWits – wonke umntu unomdla wokubona ukuba iya kuzala
nkomoni na emva kwemizuzu engamashumi alithoba omdlalo.