IFort Hare iphendula kwisankxwe solutsha

Kwiphephandaba lale veki, sipapashe inqaku malunga nolutsha olukhala ngeYunivesithi iFort Hare kulandela ukungazaliseki isithembiso sayo sokuqeqesha olu lutsha kwicandelo lokuba ngabancedisi boosomachiza (pharmacist assistants).

Ababafundi bathi endaweni yokugqitywa kolu qeqesho kulo nyaka, iFort Hare ibaxelele ukuba mabazikhangelele abahlohli ngokwabo.

Ingxelo yeli nqaku ifumaneka kweli khonkco: https://www.iol.co.za/ilisolezwe/iindaba/iyasibhanxa-ifort-hare-12039669

Ngenxa yokufika kade kwempendulo kaKhotso Moabi, isithethi seFort Hare, ngethuba sipapasha eli nqaku ephepheni – sibone ukuba masipapashe impendulo kaMoabi ngokupheleleyo apha ngezantsi:

“Isebe lezempilo eMpuma Koloni lachonga iYunivesithi iFort Hare (UFH) ngo2016 ukuze iqeqeshe abantu abakwi-104 kwinkqubo yabancedisi boosomachiza (Pharmacist Assistants).

Kwakulo nyaka mnye, eli sebe lachonga iUFH kwakule nkqubo inye ngabafundi abakwi-150. Aba bafundi bakuma-254 bebengumxube wabo basebenzayo nabo bangasebenziyo, futhi baze kuthi nesebe lezempilo.

Olu qeqesho bekufanele ukuba lugqityiwe ngoCanzibe kulo nyaka (2017), kodwa akukagqitywa kuba isebe lezempilo belisokola ukufumana abahlohli nezixhobo zaba bafundi.

Ngonyaka ka2015, iziko ebelisaya kuba siSikolo sobuNzululwazi bezeMpilo eUFH lenza isicelo senkxaso-mali kwaWelfare Sectoral Education and Training Authority (HWSETA) ukuze liqhube inkqubo yoqeqesho lwabancedisi boosomachiza abangasebenziyo abakuma-150. Le nkxaso-mali yagunyaziswa yiHWSETA, ze ngeyoKwindla ngo2016 kwenziwa isivumelwano.

Wonke umfundi uzakufumana imali yesepha (stipend) engange-R1 800 ngenyanga into ethetha ukuba izakuba yi-R25 200 kumfundi ngamnye ngeenyanga ezilishumi elinesine zolu qeqesho. Imali yokwenza olu qeqesho yi-R12 600 kumfundi ngamnye.

I-UFH yiyo ezakuhlawula imali yokubhalisa komfundi neSouth African Pharmacy Council (SAPC), into ethetha ukuba imali yokufunda kumfundi ngamnye yi-R37 800.

Isivumelwano solu qeqesho lweenyanga ezilishumi elinesine, nabafundi abakwi-150, besityikitywe ngoTshazimpuzi ka2016.

Yinto esisiqhelo ukuba abafundi abenza inkqubo yoqeqesho lwePharmacist Assistance ukuba basasazwe kwiindawo okanye amaziko anoosomachiza ababhaliswe neSAPC, ukuze bahlohlwe. Ikwayinto eqhelekileyo aba somachiza banganikisa ngenkonzo kumfundi bengajonganga nzuzo. Wonke usomachiza (pharmacist) obhalise neSAPC angahlohla abafundi abathathu ngexesha.

Kodwa phambi kokuba usomachiza (pharmacist) ahlohle abafundi kufuneka abekanti uqinisekisiwe njengomhlohli.

Oku kwenze kwanzima ukuba siqale nolu qeqesho labafundi abangaphangeliyo abakwi-150.

Ugunyaziso lwethu beluhlelelwe ukuqeqesha abafundi abakumaziko karhulumente agunyanzisiweyo, ngoko ke besingazukwazi ukubeka ababafundi kumamaziko abucala.

Sithathe into engaphaya konyaka sizama ukufumana iindawo nabahlohli abaqinisekisiweyo phambi kokuba sicele abafundi ukuba bazifunele ngokwabo. Enye into esithe saphuma nayo ibikukufuna iindawo eziqinisekisiweyo ezifana neevenkile zamachiza, izibhedlele zabucala kwanemizi-mveliso yamachiza.

Iyunivesithi (UFH) ayikayeki kuxanduva lwayo lokufuna indawo nabahlohli babafundi, kuba sisafuna nangoku. Njengokuba sixelele abafundi ukuba bazifunele iindawo nabahlohli, abafundi abalithoba bazile nabahlohli kwaye ukuba eli nani liyafika kumashumi amabini, sizakuqalisa noqeqesho.” – Khotso Moabi