Isirhalarhume esibulala amanina eDikeni

Ayakhula amaxhala kubahlali, abafundi nabezoshishino eDikeni emva kweziganeko ezithathu zokubulawa kwamanina ngumntu ongaziwayo okhangelwa ngamapolisa.

Amapolisa kula dolophu azizinxada-nxada emva kokulandelelana kwezi ganeko zokubulawa kwamakhosikazi amathathu eDikeni ukusukela ngomhla wokuqala kule nyanga.

Ongumphathi wesikhululo samapolisa aseDikeni uColonel Joyce Qabaka, uyangqina ukuba bakhangela umbulali ongaziwayo emva kweengxelo zokubulawa kwala manina.

“Ababini kula makhosikazi babulewe ngomhla wokuqala kule nyanga, omnye ebeye kutheza, omnye ebevela kwenye ilali, omnye ubulewe edolophini eDikeni emva kwemini ngeCawa umhla weshumi elinesibini, asinakuqiniseka nganto, siqhuba uphando olubanzi,” uthethe watsho uQabaka.

Uhambisa athi bakhangela ukuzalana kwendlela abulewe ngayo la manina. Aba babulawa ngokuhlatywa ngumenzi weli sikizi.

Osisithethi seYunivesithi yaseFort Hare uKhotso Moabi, uthi bazifumene iingxelo zokuba kukho isirhalarhume esijikeleza sibulala ingakumbi amanina kwingingqi yaseDikeni.

“Kwelethu icala silumkisa kakhulu abafundi abangamanina nabasebenzi ukuba balumke, bazame ukuhamba bengamaqela xa besiya kwezo ndawo baya kuzo,” ucacise watsho uMoabi.

Kukho iingxelo zokuba abahlali belali yakwaNtselamanzi bekunye namapolisa bencediswa yinqwelo-ntaka bakhangele lo mtyholwa kwintaba ezikufutshane.

“Okwangoku asisoze siveze lwazi olungaphezu kolu ndikuxelele lona, kuba asifuni kuphazamisa inkqubo yophando olwenziwa ngamapolisa ethu eDikeni,” uthethe watsho uColonel Qabaka.

Azikho iziganeko zokubulawa kwamanina ezilolu hlobo ezikhe zakho kule dolophu ngaphambili ngokwengxelo yamapolisa.

“Asinazo iziganeko ezilandelanayo zokubulawa kwamanina ngolu hlobo apha eDikeni, siyaqala ukuba sifumane isiganeko esinje ngesi,” uthethe watsho uQabaka.

Umhlali waseDikeni uHlubikazi Sankqela, uthi abantu banxubile ngenxa yokubhubha kwala manina ngexesha elifutshane.

“Abantu bayoyika ukuhamba esitalatweni kuba asiyazi ukuba uphi lo mntu, abanye bathi uselapha eDikeni abanye bathi sephumile apha eDikeni useXesi ngoku,” utshilo uSankqela.

Uceba wakwa Wadi 2 uMzimkhulu Mathayo, uthi bazimisele ukunceda amapolisa ukuze kubanjwe umenzi weli sikizi.

“Emva kokuba kuhlatywe kwabulawa inkosikazi kwisiganeko esizalana nezinye, izolo sithathe isigqibo sokuba sincedisane namapolisa ukukhangela lo mntu wenza le nto, asinakunaba ke ngendlela esizakusebenza ngayo,” utshilo uMathayo.

Ukanti kuWhatsapp sele kukho umfanekiso womrhanelwa ekuthiwa wagxothwa kwilali yakhe emva kokubulala isinqandamathe ngePasika yalo nyaka uphelileyo.

Ekuqaleni kwale veki, abahlali bakwilali yakwaNtselamanzi eDikeni babuye nelize xeshikweni bencedisa amapolisa ukukhangela lo mrhanelwa.

Uphando lusaqhuba.