Ilizwe lambethwe bubugebenga

Kwisithuba seminyaka engamashumi amabini edlulileyo, uninzi lwabantu belubona isifo sikaGawulayo njengesona sizathu sokufa nokubhubha kwabantu abaninzi eMzantsi Afrika nakwizwekazi le-Afrika liphela.

Nanjengamntu othi ehleli nje ufunda amaphephandaba noolindixesha, bendiye ndiphawule ukuba ezi ngcinga zezona zitenxileyo, nanjengoko esona sizathu sokufa kwabantu kwizwe lethu nakwizwekazi ngokubanzi, ibubugebenga.

Ngenxa yokwanda nokugqama kokubulalana phakathi kwethu mz`ontsundu, thina ma-Afrika ase-Afrika, ababhali abaninzi bezizwe ngezizwe ubuye ubave besithuka okanye besenyelisa ngelithi si(barbaric), oko kuthetha ukuba sibonwa njengabantu abanengcwangu, abakrwada nabakhohlakeleyo.

Umbuzo ngowokuba obu bugebenga buxhaphake kangaka kwizwe lethu nakwizwekazi le-Afrika buvela phi na?

Nditsho kuba ngokwembali, ama-Afrika la, thina bantu bantsundu, ngokwesiko nenkcubeko yethu, singabantu bokumanyana, ukukhuselana nokukwazi ukuhlalisana kakuhle.

Ndithi neentsana ezi zethu, azisenambeko nantobeko kuthi bazali bazo, kangangokuba zide nazo ngokuya zikhula zingenwe bubugebenga.

Ubugebenga ngoku buya bugqama nasezikolweni, zikolo ezo zafika kwintlalo yethu zavezwa njengeendawo zokuphuhlisa, ukulola nokuqeqesha umntu, ukuze abe ngumzekelo omhle eluntwini.

Ubawo uSteve Biko, kula ncwadi yakhe ithi I write what I like, iphepha ezantsi lelama-104, ukhe wasilumkisa ke ngale imeko, kumazwi akhe athi, “nkqu nabantwana abasabahloneli abazali, abeva kunqandwa.

Phofu ke ungakunqanda njani ukuphelelwa komntwana yimbeko emzalini, xa lo mntwana efunda kwisikolo esimxelela ukuba konke okwesiko nesithethe sakhe yimfitshi-mfitshi?

Andithi xa unokungena kwimizi emininzi ungaphawula ukuba abantwana bahlonipha iititshala zabo zasemzini, kwanoosaziwayo basemzini ngaphezu kwabazali noluntu abahlala nalo?

Sibaphuncula beselula, baphele bengoyiki nokugebengana kwanokugebenga umntu xa sele bebadala. Masivume ma-Afrika akowethu asityholwa, inyaniso yeyokuba mva nje singenwe saze songanyelwa bubugebenga nokuba ngababulali abangenalusizi.

Nokuba siyakholwa okanye asikholwa, masilikhuphe litsole elithi sixakene nobugebenga kwaye nomthetho nobulungisa eMzantsi Afrika wohlulekile tu ekunqandeni nasekubupheliseni ubugebenga.

Umhla nezolo kumabonakude nakuwo onke amajelo osasazo, siva ngomntu okanye abantu abagetyengiweyo. Zibuze nawe mlesi ukuba kwaba bantu baninzi kangaka bagetyengwayo, bangaphi kubagebengi babo abaye babanjwe bagwetywe ngempumelelo?

Ukuba izigwinta nezigebenga kunzima ukuba zibanjwe zivalelwe eziseleni, oku kuthetha ukuba zihlala ziphakathi kwabantu kwaye ziyaqhubekeka zigebenga zigwinta abantu.

Ndithi ndakujonga ngasemva kwindlela esele ihanjwe lusapho olu lwasekhaya, iinyembezi ndingakwazi nokuzibamba, zisuke zinqamleze umbombo.

Inene ubugebenga buqatsele kwaye umthetho nobulungisa kweli lizwe, uyohluleka.

Ngomnyaka ka-1986, kwagetyengwa umalume wam uMaboyz Ngcagawule kabuhlungu eRhawutini, kunanamhlanje azizange zifunyanwe izigebenga ezambulalayo.

Ngomnyaka ka-1996, kwabulawa kabuhlungu umalume wam wesibini, uToni Mgweje.

Naye kude kube ngoku, akukaziwa ukuba wahlaselwa ngubani. Ngomnyaka ka-2000, kwabulawa umkhuluwa wam uZalisekile Makhaseni Mavela kwiilokishi zaseKapa, kunanamhlanje abo benzi bobubi abakafumaneki.

Ndingabala kutshone ilanga mawethu, uninzi lwabenzi bobugebenga alufane lubanjwe, koko lugebenga abantu lwakugqiba luhlale kamnandi entlalweni, phofu luqhubekeke nezenzo zalo zokugwinta.

Ingaba bade bafumaneka baze bavalelwa ababulali bakaSteve Biko? Ingaba bade babanjwa ababulali bakabawo uVuyisile Mini, abeCradock Four nePepco Three eKaladokhwe naseBhayi? Bade babanjwe nini abagebengi bakaAndries Tatane eFreyistathi nabakaJongile Nompondo eCumakala?

Amafama kweli lizwe agetyengwa umhla nezolo ngoku anegalelo elihle kwezoqoqosho loMzantsi Afrika.

Ukubulawa kwawo akwamkeleki, kodwa ukuqhankqalaza kuwunduziswa okanye kuphephezeliswa iflegi yocalu-calulo, kulinyala nobungozi obunokusahlula ngakumbi isizwe.

Kwimibutho yezopolitiko kubulawana ngenxa yezikhundla. Kwimibutho yoonoteksi kubulawana ngenxa yemigaqo yothutho. Amanina nabantwana agetyengwa oko.

Hayi ke andikwazi nokuyicubungula ndiyiphicothe eyokubulawa mihla le kwamapolisa, la bekumele akhusela abantu kwizigwinta.

Kuzo zonke ezi zehlo neziganeko zobugebenga nokubulawa kwabantu, umthetho namasebe ezobulungisa abonakala erhuqa iinyawo.

UMzantsi Afrika uphela ulilizwe elingakwaziyo ukubakhusela abemi balo, kuba ubugebenga nobugwinta buqatsele kangangokuba bude batsiba nelitye likaphungela!