IChiefs ilinde ingxelo kagqirha malunga noKhune

Unozinti weKaizer Chiefs, u-Itumeleng Khune, wonzakele kumdlalo obuphakathi kweChippa United neKaizer Chiefs, eNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

Emva kokonzakala
kuka-Itumeleng Khune kumdlalo wanamhlanje, iKaizer Chiefs ithi ilinde ingxelo
kagqirha. Kuye kwanyanzeleka ukuba abalekiselwe esibhedlele uKhune emva kokuba
engqubene noKurt Lentjies kumdlalo obuphakathi kweChippa United neChiefs
emalanga namhlanje eNelson Mandela Bay Stadium. UDavid Milner uthe: “UKhune wonzakele
entloko apha entla kwelihlo, simbalekile esibhedlele ukuze ajongwe ngugqirha. Sakuthi
sibazi ubungakanani bomonzakalo akuphuma esibhedlele.”

Ukapteni
weChiefs udlale indima ebonakalayo kwimpumelelo ezuzwe liqela lakhe namhlanje.
Ukuba wonzakele kakhulu uKhune, lo nto iyakunyanzela umqeqeshi weBafana Bafana,
uStuart Baxter, ukuba axoze omnye umphini. Amakhosi adlulele kumjikelo
olandelayo weTelkom Knockout azakudlala neBidvest Wits kuwo kumhla oyakubuya
waziswe.