Abantwana baqeqeshwa ngezakhono zokuqubha

UKUQUBISANA nezehlo zokutshona nokubhubha kwabantwana kwiilwandle nakwiipuli, umasipala iBuffalo City ubhinqe omfutshane uluthathela kuye uxanduva lokuqeqesha ulutsha kwizikolo nakumaziko akhethiweyo kulo mmandla.

Le nkqubo iqulathe ukufundisa abantwana ngeendlela zokhuseleko zokuqubha elwandle nakwiipuli, kwaye izakwenziwa ngooLwezine kwiipuli zase-Orient ze ngooLwezibini yenziwe kwiipuli zaseParkside.

Yimali ebalelwa kwi-R137 550.00 ebekelwe bucala ukuphumeza iinjongo zale nkquleqhu. Lo msebenzi wenziwa ngokubambisene norhulumente wesixeko iLeiden eNetherlands.

Umasipala uthi ukwenza oku ngenxa yezehlo ezibini zalo nyaka apho kwatshona umntwana wabhubha kwipuli iJoan Harrison ngaseSelborne ze kwaphinda kwabhubha omnye kwidama iMzonyana eScenery Park.

Kutshanje lo masipala usungule le nkqubo kwiipuli zase-Orient eQuigney, apho iinjongo ibikukuqala ngokusesikweni olu qeqesho ekulindeleke ukuba luthathe iinyanga ezintandathu ukusukela ngoku.

Bangamashumi amabini abantwana baseDuncan Village logama bekwangamashumi amabini abaseScenery Park abazakuthi baxhamle kolu qeqesho.

Umfundi waseNompumelelo Primary eDuncan Village, * -Olula Mlonyeni (9), uthi uzimisele ukufunda nangakumbi kwizakhono zokuqubha.

“Ukuqubha kuyonwabeleka kodwa kuphinde kwenze ndoyike ukutshona nokurhaxwa. Ngolu qeqesho ndiza kufunda ukuqubha ngokhuseleko nangokuzithemba,” utshilo uMlonyeni.

Isithethi saseBCM uSamkelo Ngwenya uthi ngokwenza le nkqubo bafuna ukuqinisekisa ukuba abantwana bafumana izakhono zokubenza ukuba bakhuseleke xa bequbha.