Utshe wabhubha eyedwa okhubazekileyo

Kutshe kwabhubha owasetyhini okhubazekileyo kumlilo  oqhambuke kwindlu enamagumbi amane ebehleli kuyo ngethuba eyedwa kwikhaya lakhe kwilali yaseRhwantsini eDutywa.

 

Ingxelo ephuma kumapolisa ithi lo wasetyhini unamashumi amabini anesihlanu (25)  yeminyaka ubudala ukhubazekile akakwazi kuhamba, ungumntu ohlala esebhedini ngalo lonke ixesha, kungoko kunzima ukwazi ukuba umlilo uvele njani.

 

“Unobangela womlilo awukaziwa ukuba uvele phi njani nanjengoko lingakwazi kuhamba ixhoba. Indlu le itshe emini emaqanda ngoLwesithathu. Ixhoba libhubhele ngaphakathi, abahlali abakwazanga ukumsindisa kuba umlilo ubunobungozi sele udwanguza,” oku kudizwe sisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha.

 

Ixhoba alikachazwa igama lalo nanjengoko kusekutsha kwaye izihlobo kwakunye nezalamane zingekachazelwa zonke.

UManatha uthi amapolisa asephantsi phezulu ephanda ngonobangela womlilo, ityala livuliwe.