Kujongwe ngabomvu iziphumo zovoto eGonubie namhlanje

Kuzele qhu kwisikolo saseMzamowethu nakwiholo yoluntu eGonubie ngabahlali beyokufaka u-X wabo nanjengoko namhlanje ilusuku lonyulo lovalo sikhewu kwaWadi 27.

Abahlali bathi eyona nto bayinqwenelayo lutshintsho kuphela kwindawo yabo kwaneemeko abaphila phantsi kwazo.

Abalandeli bombutho ophikisayo iDA bathuthwa ziiteksi ukuya kwizikhululo zokuvota.

Inkokheli yeDA kwiphondo leMpuma Koloni uNqaba Bhanga, encokola nephaphandaba kwitafile yeDA eGonubie, udize ukuba  bazokuyithatha le wadi ngaphandle kwamathandabuzo.

Logama usihlalo weANC kula mmandla uBantu Gobho,  esithi nabo bengumbutho olawulayo izakubuyela kubo kwakhona le wadi.

Nangona kunjalo, imvano engekhoyo kwanomlo ogqubayo phakathi kwamalungu eANC ewodwa iyabonakala kuba abanye bahleli kwelabo icala nabanye bakwelabo icala.

Abahamba nenkulumbuso uPhumulo Masualle babodwa logama abalandela  obengunobhala wephondo uOscar Mabuyane bebodwa nabo. Oku ngevani kulandela emva kokuba abahlali bekhala ngokuba iphondo libanike ngenkani  uceba abangamfuniyo uBoy Boy Kalani, logama bona abahlali bebefuna uceba wabo ibenguVuyisile Hokisi.

Umgqatswa ophuma kwiDA nguVusi Jako. 

Uluntu ngokuhlwa namhlanje lulindele iziphumo malunga nolu lonyulo lubanjiweyo.