‘Oonozimokolo mabavale ngexesha!’

AMAPOLISA asekuhlaleni (CPFs) kwiingingqi ezinobundlobongela eNtshona Koloni, acela abahlali bayeke ukubamba imibhiyozo ubusuku-bonke, bekwanqonqozisa oonozimokolo ukuba bavale ngentsimbi yesithoba ukuqinisekisa ukhuseleko lwabathengi.

Usihlalo weCPF eNyanga, uMartin Makhasi, ukhuthaze abahlali ukuba baxele izimokolo ezithengisa ubusuku bonke kwaye baselele ezindlwini zabo.

 

Usihlalo weKhayelitsha Safety and Security Cluster uMbuyiseli Boqwana, uthe bavuselele oonogada bokuhlala kwaye basebenzisana nekomiti yethutyana yeethaveni, besasaza amaphepha acebisa abaselayo ngendlela yokuziphatha.

 

UMakhasi uthe uyavuya emva kokuba uMphathiswa wamaPolisa uFikile Mbalula ongeze amapolisa ayi-100 eNyanga.

 

“Ayafuneka amapolisa ingakumbi kusondele ixesha leziyolo. Sizakusebenzisana nawo siqinisekise ukuba akukho mntu uzokuhamba ebusuku esela. Kodwa nabahlali mababeyinxalenye yephulo lokulwa ubundlobongela ingakumbi ngoku.”

 

Uthe ukuselwa kobutywala ngapha komlinganiselo kunegalelo kubundlobongela.


“Oonozimokolo mabathengise babenohowu. Mabangaqalisi nokuqalisa ukuthengisela abantwana kwaye nabazali mabayeke ukunika abantwana imali kuba yile bathenga ngayo.  Sizakuyiphelisa into yokuselela ezipakini kulo Disemba,” utshilo uMakhasi.

 

UBoqwana uthe sebeqalisa ukugqogqa ubutywala kumalwandle iStrand neMonwabisi.

 

“Sizakuqinisa ugqogqo ezimokolweni zaseKhayelitsha rhoqo ebusuku.”