Isandla sihlamb`esinye!

Imfundiso kaXhosa icangcatha kulwazi lokuba xa entlalweni nakuyo nayiphi indawo ekuphilwa kunye kuyo ngabantu, kukho lowo ukhangeleka engathathi ntweni, abo bafumileyo nabane zinto baye babelane naye ngeenjongo zokumquma umhlana ukuze angahleleleki. Imeko elolu hlobo ke kwaNtu ibide ihonjiswe nangokusetyenziswa kwendalo.

Umzekelo, phambili phaya amaXhosa esamthanda kwaye emhloniphile umntu, xa kubonwa usapho olusokola kangangokuba lulale lungatyanga, lwalunikwa inkom`enqoma.

Le nkomo yayidla ngokunikezelwa yinkosi ibe iphuma kwezo zisisipho senkosi sisuka kwimizi ethile, sipho eso sasinikezelwa ngenxa yokuthandwa nokuhlonitshwa kwenkosi leyo ngabantu bayo. Inkosi eyinkokheli egqibeleleyo ke ibiya kuthi kwezo nkomo zisisipho imane ithatha kuzo kunikezelwe ngayo kwezo ntsapho zihluphekayo.

Ngokwenza oku, inkosi namaphakathi ibiqinisekisa ukuba akukho ntsapho iya kuthwaxwa yindlala, kuba abo banikwa inkomo le, bebekwazi nabo ukusenga, ukuze kuvutyiswe kulalwe kudliwe.

Ibiya kuthi naxa loo nkomo yandile yanamathole, kwafuywa nakwelo khaya, loo mzi uphinde ubuyise laa nkomo wawuxhaswe ngayo isiwe enkosini ngokunikezela ngenzala yayo, ukuze kube nokuxhaswa eminye imizi ngale ndlela bekuxhaswe ngayo loo ntsapho.

Ukanti ke, nendoda esisityebi, ibisabelana nabanye, ingakumbi abo bahlelelekileyo ukuze nabo bafuye, ngokubanika amathokazi kumhlambi wayo! Zazinjalo ke iinkokheli zomgquba, iinkokheli ngokuzalwa, iinkokheli ezazingengo barhwaphilizi boohlohle-zabo.

Lo mzila wokuphakanyiswa komntu ongathathi ntweni uvele nakwiziko lemfundo enomsila enabantu abaninzi basemzini kweliya leNtshona Kapa, iziko laseCPUT kwisithili saseWellington. Isigqeba sabafundi balapho nesibizwa ngokuba yiWellington LSRC, nesikhokelwa ngabafundi abafana noNathalie Cupido; Jason Rousseau; Nolonwabo Sokanyile nabanye, kuye kwacaca mhlophe ukuba bafunde lukhulu kwizifundo zabo ezigxile kwinkcubeko yesiXhosa kwanezo zemfundo ebandakanya iinkalo zonke zobomi nezibizwa ngokuba yi-Inclusive education ngolwasemzini.

Kwizifundo zesiXhosa abafundi akukho nto bayixabisa ukogqitha ukufunda banzi ngobomi, impilo, intlalo namasiko esiXhosa.

Uthi xa ubacacisela ngokusebenzisana nangokuxhasana kwethu maXhosa, ufike bekhamisile bekujonge ntsho, kucaca ukuba le ngcaciso yobomi bakwaNtu bayayithakazelela kwaye bayayihlonipha.

Sazi sonke mawethu ukuba umhla nezolo, kumaziko osasazo kuvakaliswa ngabafundi abahlala besilwa beqhankqalazela imfundo engahlawulelwayo.

Kolu qhankqalazo zibakho nezenzo ezingaginyisi mathe ezifana nokutshiswa nokonakaliswa kwezakhiwo.

Neli ziko laseCPUT alisindanga ncam ke kwezo ziganeko, kodwa kuthi kwakuthi qham-gqi iindaba ezintle nezakhayo, abembalwa amaziko osasazo athetha banzi ngezenzo ezinjalo.

Kungoko ndithe makhe ndenze nje amanqakwana, ndivakalise nobuhle obenziwa kwangaba bafundi kusoloko kuvakaliswa ukuphukaneka kwabo xa bezibandakanye kwidabi lemfundo engahlawulelwayo, dabi elo linomxholo ongu #FeesMustFall! Isigqeba sabafundi baseWellington, nesibizwa ngeWellington LSRC, noninzi lwabo baphuma kwiFakhalthi yezeMfundo ekhokelwa yiNgqonyela uNjingalwazi uThobeka Mda, baye basikhumbuza endulo kwintlalo yakwaNtu eyayigqibelele.

Aba bafundi bathe bakuhletyelwa ngomfundi olala engatyanga, umfundi ofumana ubunzima kwasekuhlawuleni indawo yokuhlala, ngoko nangoko bahlangana, kwavezwa amacebo kwathezelwa nasemnxebeni ukuze umntwana womntu onxanelwe imfundo angaziboni ephindela kowabo ephethe imband`esikhova.

Ngokweenkosi nezityebi zamaXhosa zamandulo ezazimquma umntu osendlaleni, aba bafundi bekhokelwa ngunobhala wabo uNathalie Cupido, bakhawulezile bahamba becela amalizo bade baququzelela neekonsathi zomculo, ukuze kufumaneke imali yokuxhasa olo sizana lomfundi ungathathi ntweni.

Kungekudala, ngeekonsathi zomculo nangokhuphiswano obelusenziwa phakathi kwabafundi, imali yokuxhasa umfundi wezoLimo eCPUT iye yaphuma.

Umfundi lo yinto kaSongwa nezalelwe kwilizwe laseDRC, nothetha iilwimi ezifana neLingala, Swahili, isiNgesi nesiFrentshi.

Ukuba aba bafundi bakhokele abanye abafundi bebengakhange bazame iindlela zokumhlangula lo mfana, ebeya kuphindela kwizwe lakowabo ehamba ze, oko kuthethe ukuthi iinjongo zakhe zokufunda ukuze akhuphe usapho lwakhe endlaleni ziphanzile.

Zanga neenkokheli zezwe lethu ngokubanzi, zingafunda kulo mzekelo waba bantwana. Akukho nto ibulala

Ubuntu nesizwe ukogqitha umona; urhwaphilizo nokungaxhasani! Ncedani ke bafundi kuzo zonke izikolo namaziko emfundo enomsila, nithi njengokuba nisilwela imfundo engahlawulelwayo nje, ningalibali ukuba ngamafela-ndawonye, ningalibali ukuba yimizekelo emihle entlalweni, kuba umlisela nomthinjana osemva kwenu, ujonge kuni!