Masualle: Buzani kwiANC

ISACI samakhumsha sithi okwenzeke eLas Vegas kuphelela eLas Vegas.

Kubenjalo nangethuba I’solezwe lesiXhosa libuza iNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle ngezimvo zakhe kulandela inkomfa yeANC eyajika yanguqulukubhode eMonti kwisithuba esingaphaya kweeveki ezine ezidlulileyo.

Kule nkomfa kwabethwana ngezitulo phakathi kwabaxhasi bakwaMasualle, obefuna isihlandlo sesithathu njengosihlalo weANC, kwanabo bakaOscar Mabuyane owaphumelela ugqatso esohlula uMasualle.

Emva kwale nkomfa, iinkokeli zeANC ezixhasa uMasualle zithe gqolo ukujongela phantsi ulawulo lukaMabuyane, maxa wambi abanye babo besithi uMasualle isengusihlalo.

Kule veki uMasualle ukhokele igqiza lorhulumente iLower Saxony eJamani betyelela ikliniki yaseDuncan Village ukuza kunika inkxaso kumagosa eli ziko-mpilo.

Ngethuba I’solezwe libuza uMasualle ukuba bunjani ubudlelwane phakathi kwakhe noMabuyane, uvele wayothula phezulu intsini esithi yena ukumsitho karhulumente, ngoko ke akazukuphendula kwimibandela yeANC.

Umbuzo wentatheli: Nkulumbuso sisuka kwinkomfa yeANC apho abantu abaninzi basenengcingane yokuba awuvisisani noMabuyane.

Ithe intatheli ingekawugqibi lo mbuzo, wayothula intsini uMasualle esithi: “Ha ha ha ha ha, uphuma ecaleni nyhani ngoku, Yima ndikuncede, zonke izinto ezinxulumene neAfrican National Congress bakhona abantu bokubuzwa ngazo ezo zinto. Enkosi kakhulu!”

Indibano ehlelelwe ukumanya nokumamela izikhalazo zamanye amalungu eANC ihlelelwe ukuba iqhube kule veki, apho kulindeleke ukuba kubekho iinkokheli eziphezulu zeANC.

UMabuyane ebesele ekuvakalisile izihlandlo eziliqela ukuba ukulungele ukuhlala kwisithebe sengxoxo nalo naliphi na ilungu leANC elingaxolanga yindlela eqhube ngayo inkomfa yalo mbutho, eyashiya impalalo-gazi e-ICC.

Ngethuba wayengena kulawulo lobuNkulumbuso ngo2014, uMasualle wayekuphakamisile ukubaluleka kokusebenzisana kwabathunywa beANC abakurhulumente wephondo nakoomasipala kwakunye neenkokeli zombutho.