Zihamba ngamahashe izaphuli-mthetho eDutywa

Usodolophu waseMbashe uSamkelo Janda uthi ngenene luxakile ulwaphulo-mthetho kumasipala waseMbashe ngokwengxelo azinikwa ngamagosa kamasipala.

Oku kuvele ngethuba umasipala waseMbashe ekunye nesebe lokhuselo loluntu bexoxa noluntu lalo masipala eNqadu ngeengxaki zolwaphulo-mthetho.

“Ngenxa yeengxaki zolwaphulo-mthetho oluxakileyo kulo masipala, ingakumbi kule ngingqi yaseNqadu nezinye iilali, sinikwa ingxelo ezoyikisayo ngolwaphulo mthetho,” kutsho uJanda.

La masebe asebenzise inkundla yakomkhulu eNqadu ethuthuzela, exhobisa ekwamamela iingxaki zabahlali. “Sikhathazwa kakhulu kule ngingqi zizixhobo ezingekho mthethweni, into entsha ngoku zihamba ngamashe izaphuli-mthetho, zehlike, zoxuthe izinto zabantu, kutsha nje sifumanise ukuba kukwakho neziqhushumbisi ezandleni zezaphuli-mthetho.”

Uthi yintsebenziswano yabahlali, amagosa karhulumente neeNkosi abanokunceda ukulwa ulwaphulo-mthetho oluxakileyo eNqadu.

“Siyalamkela eli phulo lentsebenziswano phakathi kwala masebe karhulumente ukulwa ulwaphulo-mthetho, amagosa ethu asebenza ubusuku nemini esilwa ulwaphulo-mthetho, kodwa intsebenziswano elolu hlobo ibalulekile,” uthethe watsho uJanda.

Amapolisa akuGatyana naseDutywa awanazo iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho oluxake abahlali kule ndawo.

Ingxelo ithi ezi nkcukacha-manani zilindeleke ukuba ziphume kwiveki ezayo ephondweni ngokubanzi.

Abo babesakuba ngamabanjwa kwiintolongo zaseDutywa nakuGatyana banikwe ithuba lokuba baxelele ulutsha lwale ndawo ngeengxaki zangaphakathi entolongweni.

Intswela-ngqesho, indlala nokungabikho kwenkqubo zemidlalo kubangela ukuba ulutsha lubhenele kulwaphulo-mthetho, itsho ingxelo.

UZithulele Sigudu ugqibe iminyaka elishumi elinesithathu entolongweni ngamatyala ahlukeneyo.

“Ukuba bebezazi iingxaki umntu adibana nazo xa engena enkundleni akukho mntu ebenokuwaphula umthetho, ulandelwa lityheneba lokophula umthetho ungaqeshwa, ungakwazi kuphila ubomi bakho bonke xa usisaphuli-mthetho, ufana nomntu obhubhileyo,” utsho uSigudu.

Uthi ngenxa yolwaphulo-mthetho iintanga zakhe zinemizi, abafazi, iimoto nobomi obuzinzileyo, uyazisola.

“Ngoku ndijikeleza ezikolweni ndinqanda ulutsha ukuba lungasondeli kulwaphulo-mthetho, ungena entolongweni ungena zifo kodwa uphuma unezifo ezinganyangekiyo, sonke masahlukane nolwaphulo-mthetho,” utsho uSigudu.

Oyintloko yesebe lokhuseleko loluntu uZukile Kani, uthi benze eli phulo emva kokwenyuka kwezikhalazo zolwaphulo-mthetho ngokukodwa kwingingqi yaseNqadu.

“Sidibene namasebe ahlukeneyo emva kokuva ukuba ulwaphulo-mthetho oluhamba nokuselwa kotywala, ukuqhekezwa kwezindlu, ukudlwengulwa, ukubulawa kwabantu ngokukodwa amanina nabantwana kuxakile kule ndawo yaseNqadu,” uthethe watsho uKani.

Amadoda azinzalelwane zalo masipala aseluvalelweni kwiintolongo ezahlukeneyo eMpuma Koloni anikwe ithuba lokuba axhobise ulutsha ngeenzingo zasentolongweni.

NgoLwesibini wale veki amapolisa akuGatyana aqhube ugqogqo kwilali yaseNqadu, exhobisa abantu ngeendidi zolwaphulo-mthetho.

Ingxelo ithi amapolisa afumene iipilisi ze-ARVs kumzi othile nekuchazwe ukuba zitshaywa ngunyana welo khaya. Ayibanjwanga le ndoda ifunyenwe nezi pilisi, itsho ingxelo yamapolisa.